1 Kasamweli 23:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. Zafika kuDavide iindaba ezithi: “AmaFilistiya ayihlasele idolophu iKehila; aphanga ingqolowa apho ibhulelwa khona.”

2. UDavide wabuza *kuNdikhoyo wathi: “Mandiwahlasele na amaFilistiya?”UNdikhoyo wathi: “Yiya kuwahlasela, ubahlangule abantu baseKehila.”

3. Amadoda kaDavide wona avakala esithi: “Singathi sihleli sisoyika kakade apha kwaJuda, sibuye siye kuhlasela umkhosi wamaFilistiya eKehila?”

4. Emva koko ke uDavide wabuza kuNdikhoyo kwakhona ukuba angaya kuwahlasela na amaFilistiya. Waphendula wathi uNdikhoyo: “Wahlasele amaFilistiya eKehila, kuba ndiza kuwanikela ezandleni zakho.”

5. UDavide wanduluka kunye namadoda akhe, baya kuwahlasela amaFilistiya. Babulala amaFilistiya amaninzi, bathimba nemihlambi yawo. Waba ke uyihlangule njalo loo dolophu uDavide.

6. Ekubalekeleni kwakhe kuDavide eKehila uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki wafika esiphethe *isidanga.

7. Zafika kuSawule iindaba zokuba uDavide waya eKehila. Wavakala esithi: “Unikelwe nguThixo kum uDavide lo. Uzikhonkxile ngokwakhe ngokuya kungena kwidolophu enamasango atshixwayo.”

8. Watsho eqokelela umkhosi wakhe wonke uSawule, ukuba aye kuvingcela uDavide namadoda akhe apho eKehila.

9. Zafika kuDavide iindaba zokuba uSawule uceba ukwenza ububi kuye, waza wathi kuAbhiyatare: “Yiza nesidanga.”

10. Ubuze *kuNdikhoyo ke uDavide wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ndiva kusithiwa ngenene uSawule uzimisele ukuza kuyihlasela ayitshabalalise iKehila ngenxa yam.

11. Ndixelele, mna sicaka sakho, ndiyakubongoza, ngaba angandinikezela kuSawule amadoda amakhulu alapha? Ngaba ngenene uSawule uza kuza njengoko amarhe esitsho?”UNdikhoyo waphendula wathi: “Uza kuza.”

12. “Amadoda amakhulu aseKehila ngaba aza kusinikela kuSawule?” ubuzile uDavide.“Ewe, aza kuninikela,” kutsho uNdikhoyo.

13. Wanduluka kwangoko ke eKehila uDavide kunye namadoda akhe amalunga namakhulu amathandathu, behamba behlala. Akabanga saya eKehila uSawule akuva ukuba uDavide ubalekile wemka apho.

14. UDavide waya kuhlala kwiindawo ezinqabileyo entlango nakweleentaba zentlango eyiZifi. Wathi rhoqo uSawule ukufuna uDavide, kodwa *uNdikhoyo akamnikelanga ezandleni zakhe.

1 Kasamweli 23