33. Kwabakho abaya kuxelela uSawule, besithi: “Mhlekazi, nangaya amadoda esenza isono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.”“Nikreqile!” wavakala esitsho uSawule. “Makuqengqwe ilitye elikhulu, liziswe apha,
34. niye phaya kulawa madoda, nithi ndithi makeze nezo nkomo neegusha zawo, azixhele apha, azitye, angenzi sono kuNdikhoyo ngokutya inyama enegazi.” Beza nazo ke ezo nkomo, bazixhela apho ngokuhlwa kwaloo mini.
35. USawule ke wamakhela iqonga uNdikhoyo. Wayeqala ukwenza oko.
36. Wavakala esithi kumadoda omkhosi wakhe uSawule: “Masiwahlasele amaFilistiya ngobu busuku, siwahluthe amaxhoba kude kuvele umsobomvu, siwabulale onke.”Aphendula amadoda athi: “Qhuba ngokubona kwakho, mhlekazi.”Kuselapho kunqande umbingeleli, wathi: “Masive kuThixo kuqala.”
37. USawule wabuza kuThixo esithi: “Ndingawahlasela kusini na amaFilistiya? Xa siwahlasele, uya kuwanikela esandleni sethu na?” Kodwa ngaloo mini akaphendulanga uThixo.
38. Kwesi sithuba uSawule ubhekise kwiingqwayi-ngqwayi zomkhosi, wathi: “Sondelani nonke, niphande ukuba sono sini na esenziwe kuNdikhoyo namhlanje.
39. Ndifunga uNdikhoyo ophilayo, lo ungumhlanguli kaSirayeli, ukuba loo mntu wenze lo monakalo uya kufa, nditsho nokuba nguJonatan unyana wam.” Kwathi nzwanga!
40. Uthe uSawule kumkhosi wakhe uphela: “Kulungile ke, yimani kweliya cala nonke; mna noJonatan siza kuma kweli.”“Yenza ngokubona kwakho, mhlekazi,” yatsho impendulo.
41. USawule ke wabhekisa kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli, wathi: “Nceda undinike impendulo enyanisekileyo.”Kwafika impendulo, isalatha ityala kuJonatan kunye noSawule, umkhosi wona ungenatyala.
42. Uqhube wenjenje uSawule: “Yalatha onetyala phakathi kwam nonyana wam uJonatan.” Kwalathwa uJonatan.
43. Ubuze uJonatan uSawule esithi: “Ndixelele, wenze sono sini?”UJonatan uphendule wathi: “Ndingcamle nje intwana yobusi ngomva wentonga yam. Ngaba mandifele loo nto?”