2. Abemi baseJerusalem yabaxhalisa kakhulu le meko, kuba kaloku iGibheyon yayisisixeko esibalulekileyo esilingana nezinye ezingamaziko olawulo. IGibheyon le yayingaphezulu kweAyi, nomkhosi wakhona unamagorha amadoda.
3. Ngoko ke ukumkani uAdoni-zedeki wathumela izigidimi kukumkani uHoham waseHebron, nakukumkani uPiram waseYamuti, nakukumkani uYafiya waseLakishe, nakukumkani uDebhiri wase-Eglon, esithi:
4. “Khanize kundincedisa siyihlasele iGibheyon, kuba amaGibheyon enze uxolo noYoshuwa namaSirayeli.”
5. Zasuka ke ezi kumkani zintlanu zama-Amori – eyaseJerusalem neyaseHebron, eyaseYamuti neyaseLakishe kunye neyase-Eglon – zahlanganyela iGibheyon, zayihlasela.
6. Amadoda aseGibheyon athumela isigidimi kuYoshuwa esikhululweni eGiligali, esithi: “Nceda ungasiyekeli thina zicaka zakho. Khawuleza uze kusinceda usisindise, kuba iinkosi zonke zama-Amori asezintabeni zisihlanganyele; ziyasihlasela.”
7. Wesuka kwangoko eGiligali uYoshuwa namagorha onke omkhosi wakhe.
8. Waza *uNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “Uze ungaboyiki. Sendibanikele esandleni sakho. Akukho nanye kwezo kumkani enokumelana nawe.”
9. UYoshuwa nomkhosi wakhe wahamba ubusuku bonke ukusuka eGiligali besiya eGibheyon, bafika bawaqubula ama-Amori.