14. ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.
15. UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide.
16. Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.
17. Ngakuye ke kwakusebenza abaLevi abaphantsi koRehum unyana kaBhani, kwalandela uHashabhiya umlawuli wesiqingatha seKehila, emele isithili sakhe.
18. Kufuphi naye kwakusebenza amawabo aphantsi koBhawayi unyana kaHenadadi umlawuli wesinye isiqingatha seKehila.
19. Kwakulandela uEzere unyana kaYeshuwa umlawuli weMizpa, elungisa enye indawo ukusukela ekunyukeni kwidolo eliya kwiNqaba yeziXhobo.
20. Wayelandelwa nguBharuki unyana kaZabhayi esebenza ngenyameko kwenye indawo ukusuka edolweni ukuya esangweni lendlu yombingeleli omkhulu uEliyashibhi.
21. Kufuphi naye yayinguMeremoti unyana kaUriya, kaHakozi, elungisa omnye umgama osukela esangweni lendlu kaEliyashibhi kuye ekupheleni kwayo.
22. Ngakuye apho kwakusebenza ababingeleli bommandla obangqongileyo.
23. Ngaphaya kwabo kwakulungisa uBhenjamin noHashubhi phambi kwendlu yabo, belandelwa nguAzariya unyana kaMaseya, ka-Ananiya, elungisa ngasendlwini yakhe.
24. Ngakuye yayinguBhinuwi unyana kaHenadadi elungisa enye indawo esukela kwindlu ka-Azariya ukuya edolweni nakuyo ikona.
25. UPalali unyana kaUzayi wayesebenza malunga nedolo nenqaba evelele amantla ebhotwe kufuphi nenkundla yabalindi. Kufuphi naye yayinguPedaya unyana kaParoshe