1. Ke kaloku kwakukho nendoda egama linguHananiya, umfazi wayo yena enguSafira. Bathengisa umhlaba wabo,
2. baza inxalenye yemali leyo bayifumeneyo bayigcina, eseleyo ke bayizisa *kubathunywa.
3. UPetros wabuza wathi: “Hananiya, kutheni ukuba umyeke uSathana alawule intliziyo yakho, akwenze uxokise uMoya oyiNgcwele ngokugcina inxalenye yemali oyifumeneyo ngomhlaba wakho?
4. Umhlaba wakho ubungowakho phambi kokuba uwuthengise, nemali yawo ibiyeyakho emveni kokuba uwuthengisile. Kungani ke ukuba ufike kwisigqibo sokwenza into enje? Awuxokisanga mntu, uxokise uThixo.”
5. Akuweva loo mazwi uHananiya wawa phantsi, wafa; baza bonke abayivayo loo nto bankwantya luloyiko.
6. Bafika abafana, bawuthatha bawuthandela umzimba wakhe, baya kumngcwaba.
7. Emva kweeyure ezintathu, yafika inkosikazi kaHananiya ingekayiva loo nto ihlileyo.
8. Wabhekisa kuyo uPetros esithi: “Khawutsho, ingaba le yimali epheleleyo eniyizuze ngokuthengisa umhlaba wenu nomyeni wakho?”Yaphendula yathi: “Ewe, iphelele.”
9. Wayibuza wathi uPetros: “Kungani ukuba wena nendoda yakho nidibane ngokuvavanya uMoya weNkosi? Uyabona ke, abafana abavela kungcwaba indoda yakho nâbo emnyango, nawe lo baza kukuthatha bemke nawe.”
10. Ngoko nangoko uSafira wawa ezinyaweni zakhe, wafa. Bangena abafana, bambona ukuba ufile, bamthatha baya kumngcwaba ecaleni komyeni wakhe.
11. Xa lilonke ibandla nabo bonke abayivayo le nto bazaliswa kukunkwantya.
12. *Abathunywa benza imiqondiso nemimangaliso emininzi ebantwini. Bonke abakholwayo babehlangana eVarandeni kaSolomon.
13. Abangakholwayo babengazibandakanyi nabo, nakuba kwakuthethwa kakuhle ngabo.
14. Kuyo yonke loo nto kwabakho ihlokondiba lamadoda namakhosikazi azinikelayo eNkosini, laza longezeka inani labo.
15. Baza abagulayo basiwa ezitalatweni, balaliswa ezibhedini nasemakhukweni, ukuze kuthi xa agqithayo uPetros isithunzi sakhe siwe phezu kwabanye.
16. Izihlwele zabantu zazisiza, zivela kwiidolophu ezimelene neJerusalem, zizisa abagulayo nâbo babeneendimoni, baze baphile bonke.
17. Umbingeleli omkhulu nabalingane bakhe, abo beqela *labaSadusi, babamonela *abathunywa,
18. baza bababamba babafaka entolongweni.