1. Ngamhla uthile uPetros noYohane baya *endlwini kaThixo ngexesha lomthandazo, ngentsimbi yesithathu emva kwemini.
2. Apho esangweni lendlu kaThixo ekwakusithiwa liSango eLihle, kwakukho indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo. Yayidla ngokusiwa khona yonke imihla ukuze icele amalizo kwabangenayo.
3. Yakubona uPetros noYohane bengena, yacela ukuba bayilize.
4. Bayijonga, waza uPetros wathi: “Khangela apha!”
5. Yajonga kubo ke ilindele into abaza kuyinika yona.
6. Uthe uPetros: “Imali andinayo, kodwa ndiza kukunika into endinayo – egameni likaYesu Krestu waseNazarete, ndithi kuwe: ‘Phakama, uhambe.’ ”
7. Akuba etshilo, wayibamba ngesandla sokunene, wayiphakamisa. Ngoko nangoko iinyawo namaqatha ayo omelela.
8. Yatsho umtsi, yema ngeenyawo, yahamba-hamba. Yaza yangena nabo endlwini kaThixo, ihamba itsiba-tsiba, ibulela uThixo.
9. Bonke abantu ababelapho bayibona ihamba ibulela uThixo.
10. Baqonda ukuba ngulaa mngqibi wayedla ngokuhlala eSangweni eLihle lendlu kaThixo, bonke bathi manga yinto eyenzeke kuye.
11. Njengoko le ndoda yathi nca kuPetros noYohane, basuka abantu beza begxalathelana kubo bemangalisiwe evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.
12. Akubabona abantu, uPetros wabhekisa kubo wathi: “MaSirayeli, kungani ukuba inimangalise le nto? Khona kutheni ukuba nisijonge ngathi wenziwe ngamandla ethu nangokwethu ukukholeka kuThixo ukuba ahambe lo mntu?
13. UThixo ka-Abraham, kaIsake, kaYakobi, uThixo woobawo bethu, ngesi senzo usinike iwonga isicaka sakhe uYesu. Nina namnikela namkhanyela phambi koPilato, nangona yena wayefuna ukumkhulula.
14. Namkhanyela umnyulwa olilungisa! Endaweni yakhe nacela uPilato ukuba anikhululele isihange.
15. Nayibulala imbangi yobomi; ke yena uThixo wayivusa ekufeni. Yeyona nto singqina yona ke leyo.
16. Kukuvuma nokuzinikela kwigama likaYesu okuyomelezileyo le ndoda niyibonayo, niyaziyo. Ligunya legama lakhe elimenze waphila njengokuba nimbona elapha phambi kwenu nje lo mntu.
17. “Ndiyazi ke, mawethu, ukuba nina neenkokheli zenu le nto niyenze kuYesu ngokungazi.
18. Loo nto ngoko uThixo wayazisayo ngabo bonke *abashumayeli, yokuba umelwe kukubandezeleka, uyizalisekisile.