15. La madoda akanxilanga njengoko niba kunjalo nina, kuba kusekusasa ngentlazane,
16. koko le nto yenzekayo yileya yaxelwa *ngumshumayeli uJoweli esithi:
17. “ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo:‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu,oonyana neentombi zenu zishumayele,abafana babone imibono,amaxhego aphuphe amaphupha.
18. Ewe, nezicaka nezicakazana zamndiya kuzigalela ngoMoya wam ngaloo mihla,zize zishumayele.
19. Ndiya kwenza imiqondiso esibhakabhakeni phezulu,nezimanga emhlabeni phantsi.Kuya kubakho igazi nomlilo nentshinyela yomsi.
20. Ilanga liya kujika libe bubumnyama,inyanga ibe bomvu njengegazi,phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu udumileyo weNkosi.
21. Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.’
22. “MaSirayeli, phulaphulani la mazwi: UYesu waseNazarete yindoda eyâlathwa nguThixo, yaza yabonakaliswa ngemisebenzi yamandla nemimangaliso nangemiqondiso awayenzayo uThixo ngayo. Nani ngokwenu niyayazi loo nto, kuba yenzeka phakathi kwenu apha.
23. Lo Yesu ke, wanikelwa kuni ngokuthanda nangokwazi kukaThixo, nambulala ngokumnikela ukuba abethelelwe emnqamlezweni ngabantu abangawukhathalelanga umthetho wethu.
24. UThixo ke yena wamvusa, wamkhulula kwiintlungu zokufa, kuba ukufa kwakungenawo amandla okumbophelela.
25. Kaloku uDavide uthi ngaye:“ ‘Ndasoloko ndiyibona iNkosi iphambi kwam ngamaxesha onke.Yintonga yam yasekhosi iNkosi, ngoko andiyi kuchukunyiswa nto.
26. Kungoko yagcobayo intliziyo yam, ndathetha ndinemivuyo.Ngaphezu koko ndiya kuhlala ndinethemba lokuba andiyi kufa,
27. kuba akuyi kuwuyeka kwelabafileyo umphefumlo wam,ungayi kusiyeka sibole isicaka sakho esikholekileyo.
28. Undazisile iindlela zobomi;ndaye ndiya kuzala luvuyo ngenxa yobukho bakho.’
29. “Mawethu, mandithethe ngokucacileyo kuni ngokhokho wethu uDavide. Yena wafa, waza wangcwatywa; yaye nengcwaba lakhe lilapha unanamhlanje.
30. Njengokuba *wayengumshumayeli, wayesazi isithembiso sokuba uThixo wafunga ukuba omnye kubazukulwana bakhe uya kuba ngukumkani njengaye.
31. Walubona ke kwangaphambili uvuko lukaKrestu, wathetha ngalo, exela ukuba akayi kuyekwa kwelabafileyo, futhi engayi kubola.
32. UThixo ke wamvusa ekufeni lo Yesu; saye ke thina sonke singamangqina aloo nto.