Umsebenzi Wabathunywa 12:12-21 Ibhayibhile (XHO96)

12. Akuyiqonda le nto yenzekileyo uPetros waya emzini kaMariya, unina kaYohane Marko. Kwakukho abantu abaninzi apho, bethandaza.

13. Wankqonkqoza emnyango, kwaza kwaya intombazana egama linguRoda,

14. eyathi yakuliva ilizwi likaPetros, yasuka yajika ngenxa yovuyo ingamvulelanga, yaya kuxela ukuba nguPetros lo unkqonkqozayo.

15. “Unantoni na? Uyageza!” bamphikisa batsho abo babesendlwini. Kodwa yena wema ekubeni le nto iyinyaniso. Bathi ke bona: “Hayi ke, fan' ukuba sisithunywa sakhe.”

16. UPetros yena waphikelela enkqonkqoza, bada ngelikade bamvulela, bamangaliswa kakhulu bakuqonda ukuba kuthe kanti nguPetros ngenkqu lo.

17. Wawangawangisa ngesandla ukuba bathi cwaka, waza ke wabachazela indlela emkhuphe ngayo iNkosi entolongweni. Wabayaleza ukuba baye kuxela le nto kuYakobi nakwamanye amakholwa, waza yena wemka waya kwenye indawo.

18. Ngengomso yaba sisiphithi-phithi kubalindi bentolongo besithi: “Yaz' ukuba uphi na uPetros?”

19. UHerode wathi mabamfune, kodwa abazange bamfumane. Ngoko ke abalindi bancinwa, waza uHerode wagunyazisa ukuba babulawe.Emva kwesi singaneko ke, uHerode wemka kwaJuda, waya kuhlala eKhesariya okwexeshana.

20. UHerode wayengavisisani mpela nabantu baseTire nabaseSidon. Kwakuba njalo bavumelana ngokuthumela igqiza labameli. Lona laqala lavana noBlasto, induna yasebhotwe, laza langena ngaye ukudala imvisiswano. Babecela uxolo kuba ilizwe labo lalixhomekeke kummandla kaHerode ekufumaneni ukudla.

21. Ngosuku olumisiweyo uHerode wavatha ezobukumkani, waza wahlala esihlalweni sakhe apho ebhotwe, wathetha nabantu.

Umsebenzi Wabathunywa 12