5. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Mfundisi, kulungile ukuba sibe lapha. Masakhe amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”
6. Wayesitsho kuba ebengayazi into anokuyithetha, kuba babesoyika kakhulu.
7. Ke kwabakho ilifu elibagubungelayo, kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”
8. Bakusinga-singa ke, ababa sabona mntu wumbi ngaphandle koYesu.
9. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala ukuba bangazixeleli bani ezo zinto bazibonileyo, ade yena *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.
10. Babambelela kule ntetho, bebuzana bodwa ukuba ngaba ukuvuka kubo abafileyo kukuthini na.
11. Bambuza uYesu besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”
12. Waphendula wathi kubo: “Ewe, okunene nguEliya ofikayo kuqala azilungise zonke izinto. Kodwa ke kutheni ukuba *iziBhalo zitsho ukuthi uNyana woLuntu ufanele ukuva ubunzima obukhulu, enziwe into engento yanto?
13. Mna ke ndithi kuni: ufikile uEliya, baza abantu benza kuye konke abakuthandayo, kwanjengoko zitshoyo ngaye iziBhalo.”
14. Bakufika kubafundi, babona isihlwele sibangqongile, nabachazi-mthetho bebaxoxisa.
15. Sakumbona isihlwele, savuyiseka kakhulu sonke, sasuka kwangoko saya kuye sibaleka, sambulisa.
16. Wababuza ke esithi: “Nixoxisana ngantoni na?”
17. Waphendula omnye esihlweleni apho wathi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, kuba unendimoni emenza angathethi.
18. Ithi le ndimoni yakumqubula axhuzule, alephuze amagwebu, atshixize namazinyo, asuke ome. Ndithethe nabafundi bakho ukuba bayikhuphe, kodwa bakhohlwa.”
19. UYesu waphendula wathi kubo: “Sizukulwanandini esingakholwayo, koda kube nini na ndinani? Koda kube nini na ndininyamezela? Mziseni kum!”
20. Bamsa ke. Loo ndimoni, yakumbona uYesu, yesuka kwangoko yamhlasela watsho waxhuzula unyana lowo, wawa emhlabeni, wamana eqika-qikeka, elephuza amagwebu.