2. Yaz'ba ngubani na oya kuba nako ukuyinyamezela loo mini yokugaleleka kwakhe? Ingubani onokumelana naye akuthi gqi? Kaloku wofana nqwa nesephu ecocayo, abe matwa nomlilo wokunyibilikisa.
3. Uya kuba eze kugweba, afane nomnyibilikisi ocwenga isiliva negolide. Naye ke uya kubahlambulula abaLevi, abacwenge oku kwegolide nesiliva, ukuze babe nako ukuzisa iminikelo kuNdikhoyo benobulungisa.
4. Ke kaloku iminikelo yakwaJuda neyaseJerusalem iya kwamkeleka kuNdikhoyo njengakwimihla yakudala neminyaka yamandulo.
5. UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”
6. “Mna *ndinguNdikhoyo ongajika-jikiyo. Ke nina, nzala kaYakobi, anikatshabalali kwaphela.
7. Ukususela kwimihla yooyihlo niyityeshele imimiselo yam, anayigcina. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Buyelani kum; nam ndobuyela kuni.’“Niyabuza ke nisithi: ‘Masibuyele kuwe njani na?’
8. “Umntu angamqhatha na uThixo? Kanti nina niyandiqhatha!“Nobuza ke nithi: ‘Sikuqhatha kanjani na?’“Kaloku nindenzela ubuqhophololo kwizishumi nakwiminikelo.
9. Xa ninonke ke, isizwe sonke, niqalekisiwe kuba niyandiqhatha.
10. “Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.
11. Izinambuzane ndozithintela zingazitshabalalisi izilimo zenu, nemidiliya yenu emasimini ingaphulukani neziqhamo zayo.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
12. “Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
13. “Nithethe amazwi aqatha ngam,” utsho uNdikhoyo.“Kambe ke nina nithi: ‘Sithethe ntonitna ngawe?’