Umalaki 3:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Uyabona ke, ndiyasithuma isigidimi sam esiza kundigabulela izigcawu. Ke yona iNkosi le niyilindeleyo yosuka ifike ngequbuliso kule ndlu yayo, nditsho uMthunywa woMnqophiso enimlangazelelayo.” Utsho *uNdikhoyo onamandla onke.

2. Yaz'ba ngubani na oya kuba nako ukuyinyamezela loo mini yokugaleleka kwakhe? Ingubani onokumelana naye akuthi gqi? Kaloku wofana nqwa nesephu ecocayo, abe matwa nomlilo wokunyibilikisa.

3. Uya kuba eze kugweba, afane nomnyibilikisi ocwenga isiliva negolide. Naye ke uya kubahlambulula abaLevi, abacwenge oku kwegolide nesiliva, ukuze babe nako ukuzisa iminikelo kuNdikhoyo benobulungisa.

4. Ke kaloku iminikelo yakwaJuda neyaseJerusalem iya kwamkeleka kuNdikhoyo njengakwimihla yakudala neminyaka yamandulo.

5. UNdikhoyo onamandla onke uthi: “Ndiya kufika ndize kunigweba. Ngoko nangoko ndiya kubabek' ityala bonke abenza imilingo, abakrexezayo, abangqina ubuxoki, nabaqeshi abaqhatha abaqeshwa ngemivuzo yabo, nabo baxhaphaza abahlolokazi neenkedama nabangeneleli, nabo bonke abangandihloneliyo.”

6. “Mna *ndinguNdikhoyo ongajika-jikiyo. Ke nina, nzala kaYakobi, anikatshabalali kwaphela.

7. Ukususela kwimihla yooyihlo niyityeshele imimiselo yam, anayigcina. Ngoko ke uNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Buyelani kum; nam ndobuyela kuni.’“Niyabuza ke nisithi: ‘Masibuyele kuwe njani na?’

8. “Umntu angamqhatha na uThixo? Kanti nina niyandiqhatha!“Nobuza ke nithi: ‘Sikuqhatha kanjani na?’“Kaloku nindenzela ubuqhophololo kwizishumi nakwiminikelo.

Umalaki 3