Uisaya 65:19-25 Ibhayibhile (XHO96)

19. Nam ndoba nemincili ngenxa yeJerusalem,ndithatheke ndidlokove ngabantu bam.Khona soze sibe saviwa isijwili;ukufixiza nesilokozi ziya kuphela tu.

20. “Nokufa kweentsana kuya kunqamka;abantu bokhula bade bakhokhobe.Umntu ofe enekhulu leminyakauya kunconywa ngokuf' emncinci;kanti ke ongafikelelanga ekhulwiniyena kothiwa wambethwe lishwangusha.

21. Imizi abayakhayo abantu boyima;baya kutyala izidiliya, bazitye iziqhamo zazo.

22. Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye,nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye.Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam;ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.

23. Bona abasayi kusebenzela ilize,bengasayi kuzalela isithwakumbe;koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo,ngokunjalo nezizukulwana zabo.

24. Mna ndosabela bengekakhali nokukhala;ndobeva besathetha nje kuphela.

25. Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye,ingonyama igramze ingca njengenkomo,yona inyoka itye uthuli.Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayoeZiyon intaba yam eyodwa.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

Uisaya 65