6. INkosi yathi kum: “Mntundini, uyayibona into abayenzayo – intlondi eyenziwa yindlu kaSirayeli apha, izinto eziza kundigxotha kwisibingelelo sam esisodwa? Kanti ke useza kubona nawona manyundululu.”
7. Yaza yandibeka esangweni lenkundla. Ndajonga ndabona umngxuma eludongeni.
8. Yathi ke kum: “Mntundini, ngoku ke gqobhoza eludongeni.” Nam ke ndagqobhoza, ndaza ndabona umnyango apho.
9. Yathi kum: “Ngena ubone amanyundululu abawenzayo apha.”
10. Ndaza ke ndangena, ndajonga, ndabona eludongeni kukrolwe imifanekiso yezilo ezirhubuluzayo nezilwanyana ezinezothe nazo zonke izithixo ezisuke zanqulwa yindlu kaSirayeli.
11. Phambi kwazo kwakumi amashumi asixhenxe amadoda amakhulu endlu kaSirayeli, phakathi kwawo kukho uYazaniya unyana kaShafan. Nganye kuwo yayiphethe isitya esinesiqholo, kuso kunyuka umsi.
12. Yathi kum iNkosi: “Mntundini, ukubonile okwenziwa ngamadoda amakhulu endlu kaSirayeli emnyameni? Yileyo naleyo isegumbini lesithixo sayo. Athi: ‘UNdikhoyo akasiboni; uNdikhoyo ulilahlile eli lizwe.’ ”
13. INkosi iqhube yathi: “Uza kubabona besenza izinto ezinezothe ngaphezu kwezi.”
14. Indise kwisango elingentla lendlu kaNdikhoyo, ndaza ndabona abafazi behleli bezilele isithixo uTamuzi.
15. Ithe kum: “Uyayibona le nto, mntundini? Useza kubona amanyundululu angaphezu kwala.”