3. Yinkosi kuphela komntu onokuhlala ngaphakathi kwesango atye phambi kukaNdikhoyo. Iya kungena ngevaranda yesango, ize ibuye iphume kwangayo.”
4. Indoda yandisa phambi kwendlu kaThixo ngesango elingentla. Ndakhangela ndaza ndabubona ubuqaqawuli bukaNdikhoyo buyizalisa indlu kaThixo, ndacambalala ndifihla ubuso.
5. Wathi uNdikhoyo kum: “Mntundini, jongisisa ngamehlo akho, uphulaphule kakuhle ngeendlebe, uze ukuthathele ingqalelo konke endiza kukuxelela kona ngemigaqo yonke ebhekiselele kwindlu kaNdikhoyo. Bathathele ingqalelo bonke abangenayo nabaphumayo emasangweni esibingelelo.
6. Xelela indlu kaSirayeli, abavukeli, uthi: Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kambe, ndlu kaSirayeli, nikruqule ngamanyundululu enu
7. xeshikweni ninikela kum ngokutya, nangamanqatha, negazi, nide nangenisa esibingelelweni sam iintlanga ezingandikhonziyo ezingalukanga. Ngokwenjenjalo nasinyelisa isibingelelo, nawutyeshela umnqophiso wam ngamanyundululu enu.
8. Endaweni yokuqhuba ngokwemigaqo ebhekiselele kwizinto zam ezingcwele, niyalele bantu bambi ukuba balawule isibingelelo sam.
9. Itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Akukho ntlanga ingalukanga engandikhonziyo iya kungena esibingelelweni sam, nditsho nkqu nomngeneleli ohlala phakathi kwamaSirayeli.
10. “Kuphela ngabaLevi abamelwe kukulawula isibingelelo sam, kanti abaLevi basuke bandityeshela ngexesha lokukreqa kwamaSirayeli, baza bahambela kude nam ngenxa *yezithixo zabo. Ke ngoko ndiyabohlwaya ngenxa yesono sabo.
11. Bangade beme phambi kwesibingelelo sam, balawule amasango endlu kaThixo, basebenze nakuyo; bangawaxhela amadini etshiswayo, babenzele namadini abantu; bangema phambi kwabantu bebalungiselela.
12. Kodwa ngenxa yokuba abantu babenzele amadini noxa bekhonza izithixo, baza ngokwenjenjalo bayeyelisela esonweni indlu kaSirayeli, ndamisa isibhozo ndisithi baza kohlwaywa ngeziphoso zabo, utsho uMhlekazi uNdikhoyo.
13. “Abayi kusondela kum bandilungiselele okwababingeleli, bengayi kusondela nakwiminikelo yam engcwele okanye bangene kweyona ndawo yam ingcwele. Mabalithwale ihlazo lezenzo zabo ezimanyumnyezi.
14. Ke ndiza kubenza abaququzeleli bendlu kaThixo, benze yonke imisebenzi abayalelwe yona.
15. “Kodwa ababingeleli abangabaLevi omnombo kaZadoki, bona bathi banyaniseka emsebenzini wesibingelelo xeshikweni amaSirayeli ayekreqile, bona bangasondela babingelele phambi kwam, benze iminikelo yamanqatha negazi, itsho iNkosi uNdikhoyo.
16. Ngabo kuphela abaya kungena kweyona ndawo ingcwele; ngabo kuphela abaya kundilungiselela etafileni yam, babingelele phambi kwam, bawenze umsebenzi wam.
17. “Xa bengena emasangweni entendelezo ephakathi mabanxibe impahla yelinen; mabanganxibi impahla eyenziwe ngoboya ngexesha balungiselelayo kwinkundla engaphakathi okanye ngaphakathi endlwini kaThixo.
18. Baya kuthwala iiqhiya zelinen entloko, babhinqe ngaphantsi impahla yelinen, bangayinxibi impahla eya kubenza babile.