Uhezekile 39:3-17 Ibhayibhile (XHO96)

3. Isaphetha sakho ndiya kusibetha siwe kwisandla sakho sasekhohlo, neentolo zakho ziwe kwisandla sakho sasekunene.

4. Wena nawo wonke umkhosi wakho nesizwe sakho siphela niya kufela ezintabeni zakwaSirayeli. Ndiya kunenza nibe kukutya kweentaka namarhamncwa.

5. Niya kufela endle elubala, kuba kuthethe mna, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

6. IMagogi nabemi baselunxwemeni abangalindele ngozi ndiya kubathumela ngomlilo ukuze bazi ukuba ndinguNdikhoyo.

7. “Ndiya kulazisa igama lam elingcwele kubantu bam amaSirayeli. Andiyi kuvuma lingcoliswe igama lam elingcwele, kwaye nezizwe ziya kwazi ukuba mna Ndikhoyo ndinguYedwa wakwaSirayeli.

8. Iyeza! Ewe, iza kufika, itsho iNgangalala uNdikhoyo. Yile mini bendiyixela ke leyo.

9. Noko abantu abahlala ezixekweni zakwaSirayeli baya kuphuma bazibase zitshe izixhobo zabo, iingweletshetshe namakhaka amakhulu, izaphetha neentolo, amabhunguza nemikhonto. Iya kuphela iminyaka esixhenxe bezenza iinkuni zokubasa.

10. Akusayi kubakho mfuneko yakutheza endle nokugawula iinkuni emahlathini, kuba baya kubasa izixhobo. Baya kuthimba kwa-abo bebefudula bethinjwa ngabo, batyhuthule abo bebefudula betyhuthulwa ngabo, itsho iNgangalala uNdikhoyo.

11. “Ngaloo mhla uGogi uya kungcwatyelwa kwaSirayeli, kwintlambo ekuhanjwa kuyo ngabahambi abaya ngasempumalanga ngakuLwandle oluFileyo. Elo ngcwaba liya kuxaba endleleni yabahambi, kuba aya kuba elapho amangcwaba kaGogi nesihlwele sakhe siphela. Iya kubizwa ngokuba yintlambo yesihlwele sikaGogi.

12. “Indlu kaSirayeli iya kubangcwaba iinyanga ezisixhenxe ukuze licoceke ilizwe.

13. Baya kungcwatywa sisizwe siphela, ize loo mini yobungangamsha bam ibe ludumo kubo, itsho iNkosi uNdikhoyo.

14. “Kuya kumiselwa amadoda aya kuzingisa ngokulicoca ilizwe. Amanye aya kuhamba lonke ilizwe, amanye angcwabe ezo zidumbu zisabonakalayo phezu komhlaba. Emva kweenyanga ezisixhenxe aya kuqalisa ukuzingela kulo lonke ilizwe,

15. kuze kwenziwe umqondiso apho kubhaqwe khona ithambo lomntu de lingcwatywe ngabangcwabayo kwintlambo yesihlwele sikaGogi.

16. Apho kuya kubakho nesixeko esiyiHamona. Kuya kuba njalo ke ukuhlanjululwa kwelizwe.

17. “Mntundini, itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Biza zonke iintlobo zeentaka nazo zonke izilo zasendle, uthi: ‘Yizani niqokelelane kweli dini ndinilungiselela lona, inyhikityha yedini phezu kweentaba zakwaSirayeli. Apho niza kutya inyama nisele negazi.

Uhezekile 39