Uhezekile 21:23-32 Ibhayibhile (XHO96)

23. Umqondiso uya kuba ngathi yimpazamo kwabo baya kuba bephantsi kolawulo lwakhe eJerusalem. Kodwa uya kubakhumbuza ngobutyala babo, abathimbe.

24. “Ke ngoko uthi *uNdikhoyo iNgangalala: Ngenxa yokuba, bantundini, ityala lenu nilibonakalise nazicacisa ukuba ningabavukeli, nazityhila nezono zenu ngazo zonke izenzo zenu, ngoko ke niya kuthinjwa.

25. “Wena nkosana yakwaSirayeli ehlazekileyo nekhohlakeleyo, ifikile eyakho imini; ixesha lokohlwaywa lilo eli.

26. Itsho iNgangalala iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Khulula iqhiya, uthule isithsaba. Izinto ziguqukile: obesezantsi uza kuphakanyiswa, aze athotywe ophakamileyo.

27. Inxuwa! Inxuwa! Isixeko ndosenza sibe linxuwa – nxuwa elo lingayi kuvuswa de afike lowo ufanele ukulivusa. Isixeko ndiya kusinikela ezandleni zakhe ke.

28. “Wena ke, mntundini, shumayela uthi: INgangalala uNdikhoyo ibhekisa kuma-Amon nezingcikivo zawo, ithi:“Ikrele, ikrele lokubulala,liyabengezela, lifuna emntwini,limenyezela okombane.

29. Nakuloo mibono ingeyonyani,mibono leyo ingawe,xa kuvunyiswa ngawe,wozitsheca iintamozabakhohlakeleyoabafanele ukubulawa;kuba imini yabo ifikile,ixesha lokohlwaywa kwabo ligalelekile.

30. Libuyisele ikrele esingxobeni salo;mna ndiya kukohlwayela kuloo ndawo yokuvela kwakho;ewe, ndokugweba elizweni looyihlo-mkhulu.

31. Ndiya kuyikhuphela kuwe ingqumbo yam,ndikuvuthulule ngoshushu wona umsindo.Ndiya kukwenza ixhoba lezikrelemnqa,amachule kanye okubhubhisa.

32. Uya kutsha njengeenkuni emlilweni;igazi lakho liya kuphalala kwelakowenu.Uya kulityalwa ukuba wakha wakho.Kaloku ndithethile mna Ndikhoyo.”

Uhezekile 21