8. Ndisazijongile ezi mpondo kwathi thaphu olunye uphondo oluncinci apho phakathi kwezinye, zatsho zancothuka ezintathu kwezo mpondo zazikho kakade. Olu phondwana ke lwalunamehlo njengomntu, kananjalo lunomlomo luthetha izinto ezinkulu kakhulu.”
9. “Ndithe ndisabukele njalo suka kwee rhwelele izihlalo,laza ke neNyange elimihla ingapheliyo lathatha isihlalo salo.Izambatho zalo zazimhlophe ngokwekhephu;ke zona iinwele zalo zazinjengoboya obucikizekileyo begusha.Isihlalo salo sasingamadangatye ngumlilo,simi ngamavili angumlilo ovuthayo.
10. Kwakumpompoza umlambo ongumlilo,unkcenkceza uphuma apho kuso.Ewe, iNyange eli laliphahlwe ngamawaka-waka,kuzizigidi ngezigidi zimi phambi kwalo.Yaqalisa ke inkundla,zaza zavulwa iincwadi.
11. “Ndasoloko ndibukele, kuba kaloku olo phondwana lwaluthetha izinto ezinkulu kakhulu. Ndisabukele njalo ke elo rhamncwa labulawa, isidumbu salo satshiswa ngomlilo.
12. Ke wona amanye amarhamncwa ahluthwa amagunya, noko ke olulelwa ukuphila okwethutyana elimisiweyo.
13. Ndisabukele njalo kuwo loo mbono wasebusuku ndabona kusiza ofana nonyana womntu, esiza ephahlwe ngamafu. Ke kaloku waya kufika kwelo Nyange elimihla ingapheliyo, wasondezwa phambi kwalo.
14. Waza ke wathiwa jize ngamagunya, amawonga, nobukumkani, zaza zonke izizwe, iintlanga, nabantu beelwimi ngeelwimi, zamkhonza. Ubukhosi bakhe ke babungunaphakade bungenasiphelo, nombuso wakhe ungenakudaka.”
15. “Mna Daniyeli ndakhathazeka emoyeni, waza lo mbono ofikele engqondweni yam wanditsho ndanxunguphala.
16. Ndasuka ke ndaya komnye wababemi apho, ndamcela ukuba andichazele inyaniso yayo yonke le ngcombolo. Ke yena wandityhilela intsingiselo yazo zonke ezi zinto, wathi:
17. ‘La marhamncwa axela imibuso emine eya kuvela emhlabeni.
18. Abantu abangcwele bakaPhezukonke ke bona baya kuzuza ulawulo, lube lolwabo kude kube ngunaphakade kanaphakade.’
19. “Kananjalo ke ndafuna ukuqonda ngeli rhamncwa lesine, elo lalingafani namanye – laa ngwanyalala yoyikekayo, le yayitsho ngamazinyo entsimbi neenzipho zobhedu, eyayiwakroboza iwathi nqwam-nqwam amaxhoba, isuke iwanyhashe ngeenyawo amasalela.
20. Ndafuna nokuqonda mayela nezo mpondo zilishumi zazisentlokweni yalo, ngokunjalo nangolo phondo lwaphuma kamva, kwaza kwancothuka iimpondo ezintathu. Nditsho uphondo olwabonakala lulukhulu kunamanye, lunamehlo nomlomo, luthetha izinto ezinkulu kakhulu.