Kumahebhere 11:7-24 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngokholo uNowa, xa wayexelelwa nguThixo ngezinto ezaziza kuhla, waphulaphula wakha inqanawa, walusindisa usapho lwakhe. Ngokholo lwakhe wabudandalazisa ubugwenxa behlabathi, waza wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokuthembela kwakhe kuye.

8. Ngokholo uAbraham walusabela ubizo lokuya kuma kwilizwe elalithenjiswe nguThixo kuye nakwinzala yakhe. Walishiya elakowabo, engazi nokuba makabheke ngaphi na.

9. Ngokholo wahlala engumphambukeli kwilizwe lesithembiso. Wayehlala ezintenteni. Benjenjalo nooIsake noYakobi abakwaziindlamafa zeso sithembiso.

10. Kaloku wayenxubile elindele elo lizwe liziseko zingagungqiyo, lakhiwe nguThixo.

11. Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.

12. Yiyo ke loo nto kuthe kwindoda enye, naxa yayiselifana nofileyo nje kukwaluphala, kwavela inzala ebuninzi bungangeenkwenkwezi, ingenakubalwa okwentlabathi elunxwemeni lolwandle.

13. Bonke aba bantu bafa benokholo. Babengekazixhamli iziqhamo zesithembiso. Kodwa naxa zazikude babezibona, bezilangazelela, bevuma ukuba bona baziindwendwe nje ezidlulayo kweli lizwe.

14. Abantu abenjenje ukuthetha kucace mhlophe ukuba bafuna elakowabo,

15. bengalikhumbuli ilizwe abalishiyileyo. Kaloku ngebabebuyele ukuba kwakunjalo.

16. Koko sibabona benxubele ilizwe elihle – izulu. Yiyo ke loo nto angenazintloni uThixo xa kuthiwa unguThixo wabo; kaloku ubalungiselele isixeko.

17. Ngokholo uAbraham wamnikela uIsake akuvavanywa nguThixo. Lo Abraham zazenziwe kuye izithembiso, nguye kanye lo wayeselemnikela unyana okwakukuphela kwakhe;

18. lo kanye kwakuthiwe ngaye: “Inzala yakho yokwaziwa ngomlibo kaIsake.”

19. Kaloku uAbraham yena wayeqonda ukuba uThixo unako ukubavusa abafileyo – ngathi ke uThixo wamvusa kwabafileyo noIsake.

20. Ngokholo uIsake walisikelela ikamva looYakobi noEsawu.

21. Ngokholo uYakobi wabasikelela bonke ngabanye, ngaphambi kokuba abhubhe, oonyana bakaJosefu. Wangqiyama ngomsimelelo wakhe, wanqula uThixo.

22. Xa wayeselukhukweni lokufa, uJosefu ngokholo wayolela ngemfuduko yamaSirayeli eJiputa, wayaleza namathambo akhe.

23. Ngokholo abazali bakaMosis bamfihla iinyanga ezintathu emva kokuba ezelwe. Kaloku wayelusana oluthandekayo, baza ke àbasithobela isimiselo sekumkani ngokwenza loo nto.

24. Ngokholo, akuba mdala uMosis, akazange avume ukuba kuthiwe ungunyana wentombi yokumkani waseJiputa.

Kumahebhere 11