28. Bavuka ngentsasa elandelayo abantu baloo lali: nâlo iqonga likaBhali lidiliziwe, nomfanekiso ka-Ashera unqunqiwe, kwaza kwenziwa idini ngenkunzi yenkomo yesibini kwelo qonga lakhiwe kuloo ndawo!
29. Babuzana ke bathi: “Ngubani na owenze le nto?” Bawuphanda ke lo mcimbi, beva kusithiwa: “NguGidiyon unyana kaJowashe owenze le nto!”
30. Bathetha noJowashe ke, bathi: “Mkhuphe unyana wakho, simbulale! Udilize iqonga likaBhali, wawunqunqa umfanekiso ka-Ashera obungakulo.”
31. UJowashe wathi kuloo madoda ayemrharhamela: “Kanti ngoku seningakuBhali? Nini abamkhuselayo? Wonke umntu ongakuBhali uza kufa kungekasi. Ukuba uBhali nguthixo makazilwele; kaloku kudilizwe iqonga lakhe.”
32. Ukusukela ngoko ke uGidiyon kwathiwa nguJerubhali, kuba uJowashe ethe: “UBhali makahlanganise, kuba liqonga lakhe elidiliziweyo.”
33. Ahlanganisana ke amaMidiyan nama-Amaleki nezizwe zasempumalanga, baza bawela iJordan, baya kumisa kwintili yaseYizereli.