10. UDelila wathetha noSamson, wathi: “Wena uphoxe ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.”
11. USamson waphendula wathi: “Ukuba banokundibopha ngeentsontelo ezintsha ezingekasebenzi, amandla am angetha, ndifane nabanye abantu.”
12. Ke uDelila wathatha iintsontelo ezintsha, wambopha ngazo uSamson, waza wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” AmaFilistiya ke ayelalele endlwini apho. Kodwa yena uSamson waziqhawula ezo ntsontelo ezazisezingalweni zakhe zanga yimisonto.
13. UDelila wathi kuSamson: “Nangoku uyawaphoxa ngam, wandixokisa. Khawundixelele ukuba ungabotshwa ngantoni na.”Waphendula ke uSamson wathi: “Ukuba unokwenza amafrerha asixhenxe entloko kum, uze uwaluke kunye nemisonto, uwaqinise ngoluthi lokuluka, ndingetha amandla, ndifane nabanye abantu.”
14. Ke uDelila wathi akulala uSamson wawaluka ngemisonto amafrerha asixhenxe kaSamson ewaqinisa ngoluthi, wakhwaza wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!” Wasuka wavuka uSamson, waluncothula uluthi, wayixhwitha imisonto.
15. UDelila ke wathi kuSamson: “Ungathini ukuthi uyandithanda kodwa akundithembi! Kokwesithathu ngoku uphoxisa ngam, ibe ke nangoku akukandixeleli ukuba uwathatha phi la mandla angaka.”
16. Waza ke wammela imihla ngemihla emcenga.Wada uSamson wakruquka wanga angafa,
17. wamchazela konke, wathi: “Iinwele zam zange zichetywe. Ndanikelwa *ndalilolo likaThixo kwasekuzalweni kwam. Xa zinokuchetywa iinwele zam, angaphela amandla am, ndibe buthathaka nam, ndifane nabanye abantu.”
18. UDelila akuqonda ukuba uxelelwe yonke inyaniso nguSamson, wathumela kwizikhulu zamaFilistiya, wathi: “Yizani kwakhona; undixelele konke.” Ke zeza zimphathele imali leyo.
19. UDelila walalisa uSamson emathangeni akhe, waza ke wabiza umntu, wacheba amafrerha osixhenxe akhe. Ngokwenjenje ke uDelila wamenza waphelelwa ngamandla uSamson.
20. Wathi: “Nanga amaFilistiya, Samson!”Ke yena wavuka ebuthongweni esithi: “Ndiya kubuya ndiwavuthulule ndiphuncuke.” Kambe ke wayengaqondi ukuba ushiyiwe *nguNdikhoyo.
21. AmaFilistiya ke ambamba, amkhupha amehlo, amtyhaphaza. Amthatha amsa eGaza, amqamangela ngamatyathanga obhedu, amfaka emsebenzini wokusila entolongweni.
22. Kambe iinwele zakhe zaphinda zakhula.
23. Izikhulu zamaFilistiya zahlanganisana zabhiyoza, zisenzela uthixo wazo uDagoni isiyikayika sedini. Zadanduluka zathi: “Uthixo wethu ulunikele esandleni sethu utshaba lwethu uSamson!”