Eyeziqalo 43:24-34 Ibhayibhile (XHO96)

24. Sabangenisa endlwini kaJosefu isicaka. Sabanika amanzi, bahlamba iinyawo. Sapha needonki zabo into etyiwayo.

25. Balungiselela ukunika uJosefu izipho ukufika kwakhe ngexesha lesidlo sasemini, kuba babesebexelelwe ukuba uza kutya kunye nabo.

26. Akufika basa kuye izipho, bakhahlela, bawa ngobuso emhlabeni.

27. Wababuza impilo, waza wathi: “Linjani na ixhego uyihlo enanindixelele ngaye? Usaphila na?”

28. Bathi bona: “Mhlekazi, ubawo isicaka sakho, usaphila.” Batsho baguqa bezithoba phambi kwakhe.

29. UJosefu uthe akubona uBhenjamin umninawa wakhe: “Ngulo mninawa wenu ke lo benithetha ngaye? Lwanga ufefe lukaThixo lunganawe, mfo wam.”

30. UJosefu, esikwa yimfesane kukubona umninawa wakhe, ukhawuleze waphuma, waya kungena egumbini lakhe, kuba wayeseleza kulila. Wafika apho wakhe wagixa.

31. Akuba ebuhlambile ubuso, ubuyile, wazibamba, wathi makuphakwe.

32. Wayetyela etafileni yakhe yedwa, bona abantakwabo bekweyabo bodwa. NamaJiputa awayelapho ayesitya odwa, kuba kwakungekho sikweni ukutya kunye namaHebhere.

33. Oonyana bakaYakobi babehleli kwitafile ejongene nekaJosefu, bebekwe ngokuzana kwabo. Bathe bakuyibona indlela ababekwe ngayo etafileni, bajongana bethe manga.

34. Babesitya ukutya okuvela etafileni kaJosefu. UBhenjamin yena waphiwa kakhulu kunabanye, ephindwe kahlanu. Batya ke, basela kunye noJosefu, bada bamnandi.

Eyeziqalo 43