1. Ekuhambeni kwexesha uThixo wamvavanya uAbraham. Wambiza wathi: “Abraham!”Wasabela uAbraham wathi: “Ndim lo, Mhlekazi!”
2. Uthe uThixo: “Thatha unyana wakho uIsake, lo kanye usenyongweni kuwe, uye naye eMoriya. Uya kufika apho ke, kuloo nduli ndiza kukubonisa yona, umnikele khona abe lidini elitshiswayo.”
3. Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka, wabopha idonki yakhe, wabiza izicaka zazibini kunye noIsake, bacanda iinkuni zokubasa umlilo wedini, banduluka baya kuloo ndawo bekuthiwe ze baye kuyo nguThixo.
4. Ngosuku lwesithathu wayibona isekude loo ndawo uAbraham.
5. Wathi kuloo madoda wayehamba nawo: “Salani apha nina nale donki, mna nale nkwenkwe siza kuya phaya. Sakuthi sakugqiba ukunqula, sibuye.”
6. UAbraham wamthwalisa emagxeni uIsake ezo nkuni, yena waphatha amalahle nemela. Benjenjeya bobabini.
7. Endleleni uthe uIsake kuyise: “Tata!”UAbraham wathi: “Thetha, nyana!”UIsake wathi: “Nanku umlilo, nanzi neenkuni; liphi ke lona ixhwane ledini?”
10. Uthathe imela ukuze ambulale unyana wakhe.
11. Suka kwavakala isithunywa *sikaNdikhoyo simemeza sisezulwini sisithi: “Abraham! Abraham!”Yena ke uthe: “Ndim lo!”Sathi isithunywa kuye:
12. “Uze ungayenzakalisi loo nkwenkwe, ungayithi cha nakancinci! Ngoku ndiyazi ukuba uThixo uyamoyika; kaloku akwalanga nonyana wakho oyintandane ekuphela kwakhe.”
13. UAbraham wabheka-bheka, wabona inkunzi yegusha ibambeke ngeempondo etyholweni. Waya kuyirhola, wenza ngayo idini endaweni yonyana wakhe.
14. UAbraham wathi loo ndawo yiYawe-yire. Unangoku kusathiwa xa kuthethwayo: “UNdikhoyo uyabonelela endulini yakhe.”
15. Siphindile savakala sithetha ezulwini isithunywa, sisithi kuAbraham: