Eyeziqalo 21:9-18 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ngaminazana ithile uSara wabona umntakaHagare umJiputakazi, lowa uHagare wamfumana kuAbraham, edlala ngoIsake.

10. Waya kuthi kuAbraham: “Wethu, sikhuphele ngaphandle esi sicakazana kunye nomntwana waso. Andiyi kuyivumela yona into yokuba lo mntwana wesi sicakazana sahlulelane ngelifa kunye noIsake umntwana wam!”

11. Le nto yamkhathaza gqitha uAbraham, kuba noIshmayeli lowo wayengumntwana wakhe.

12. Wavakala esithi uThixo kuye: “Hayi, sukuzikhathaza ngenxa yalo mntwana nesicakazana sakho. Yenza loo nto ithethwa nguSara wena, kuba kaloku abazukulwana bakho boba yinzala kaIsake.

13. Ewe, nonyana wesicakazana lo uya kuzala isizwe esikhulu, kuba kaloku naye ngumntwana wakho ncam.”

14. Kwakusasa ngengomso uAbraham wavuka wathatha ukutya kunye nentsuba ezele ngamanzi, wazinika uHagare, wamthwalisa, wathi makahambe nomntwana wakhe. Wemka ke uHagare, wahamba ebhadula kuloo ntlango iyiBheshebha.

15. Akuphela amanzi awayewaphethe, wamqhusheka etyholweni umntwana,

16. wemka wathi qelele, wahlala phantsi. Watsho esithi: “Andinakuyinyamezela into yokubona umntwana wam esifa.” Uthe ehleli apho zehla iinyembezi.

17. UThixo wamva ekhala umntwana, kwavakala ilizwi lesithunywa livela ezulwini, lisithi kuHagare: “Ukhathazwa yintoni, Hagare? Sukoyika. UThixo umvile umntwana wakho kulaa ndawo umbeke kuyo.

18. Hamb' uye kumthatha umthuthuzele. Úya kuba ngunozala wesizwe esikhulu.”

Eyeziqalo 21