6. Ziya kunyakazela ezindlwini zakho, kwezamaphakathi, nakuzo zonke izindlu zamaJiputa. Lowo iya kuba ngumbono ongazange walanywa ngooyihlo ngokunjalo nooyihlo-mkhulu ezimbalini zeli lizwe.’ ” Akuba etshilo waphuma, wemka kwakumkani.
7. Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”
8. Babizwa ke ooMosis noAron, babuyela kukumkani, waza wathi kubo: “Hambani niye kukhonza uNdikhoyo uThixo wenu. Kodwa ke ngoobani kanye abaza kuhamba?”
9. UMosis wathi: “Kuza kuhamba abadala nabanci, oonyana neentombi, iigusha neenkomo. Kaloku kufuneka senzele uNdikhoyo itheko.”
10. Kambe ke ukumkani waphendula wathi: “Ndifung' uNdikhoyo, soze ndinikhulule nihambe neentsapho zenu. Kakade, nithi andiniboni ukuba nindenzela iyelenqe?
11. Hayi, makuhambe amadoda odwa aye kukhonza uNdikhoyo, njengoko nanitshilo kakade.” Baza ke bakhutshwa buphuthu-phuthu apho kwakumkani.
12. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Phakamisa ingalo yakho, uwangawangise kulo lonke elaseJiputa, ukuze kuvele iinkumbi eziya kunqunqutha zonke izityalo nayo yonke into eyasinda esichothweni.”
13. UMosis ke wayiphakamisa induku yakhe, wawangawangisa ngayo, waza ke uNdikhoyo wathumela umoya wasempuma, wabhudla loo mini yonke nobusuku bayo. Kwathi kusisa kwaye sekunyakazela ziinkumbi kulo lonke elaseJiputa.
14. Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na!
15. Zaba lukhoko olwawambathisa wonke umhlaba; kwatsho kwamnyama nje! Zanqunqutha zonke izityalo nemithi yeziqhamo, nako konke okwasinda mhla ngesiphango, zatsho akwasala nempunde le yegqabi eliluhlaza kulo lonke elaseJiputa.
16. Ukumkani ke wababiza ngobungxamo ooMosis noAron, wathi kubo: “Ndimonile uNdikhoyo uThixo wenu, ngokunjalo nani.
17. Ndicela uxolo ngesono sam; ndiyanibongoza, okwesi isihlandlo khaninditarhuzisele kuNdikhoyo uThixo wenu, ayisuse le ntshabalalo!”
18. Waphuma ke uMosis, waya kuthandaza uNdikhoyo.