2 Yookumkani 13:6-18 Ibhayibhile (XHO96)

6. Kodwa ke akahlukananga nezono zendlu kaJerobhowam, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; ewe, waqhubela phambili ukuzenza. Nentsika ka-Ashera yasala isamile apho eSamariya.

7. Ke wona umkhosi kaYowahazi wavuthuluka waphela kwasala amadoda amahashe angamashumi amahlanu, ishumi leenqwelo, neshumi lamawaka lamajoni eenyawo. Kaloku ukumkani wakwa-Aram watshabalalisa konke, washiya kuxusheke ngathi luthuli lexa lokubhula.

8. Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaYowahazi, imisebenzi nemizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

9. UYowahazi waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eSamariya. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uYehowashe.

10. Ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe kakumkani uYowashe wakwaJuda, uYehowashe unyana kaYowahazi waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elishumi elinesithandathu.

11. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kuba akahlukananga nezono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo; naye waziqhubela phambili.

12. Ke ezinye iziganeko zolawulo lukaYehowashe, imisebenzi nemizabalazo yakhe, ndawonye nemfazwe yakhe noAmaziya ukumkani wakwaJuda, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

13. UYehowashe waya kuphumla kooyise, esikhundleni sakhe kwangena uJerobhowam. UYehowashe wangcwatyelwa eSamariya phakathi kookumkani bakwaSirayeli.

14. Ngoku ke uElisha wayegula engazi kuphila. UYehowashe ukumkani wakwaSirayeli waya kumbona, wamlilela esithi: “Tata wam! Tata wam! Nâzo iinqwelo zabamahashe bakwaSirayeli!”

15. UElisha wathi kuye: “Yiza neentolo nesaphetha.” Weza nazo ke,

16. waza uElisha wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Thatha isaphetha sibe sesandleni sakho.” Akusithatha ke, uElisha wabeka izandla zakhe phezu kwezo zokumkani, wathi:

17. “Vula ifestile engasempumalanga.” Watsho eyivula ukumkani, waza uElisha wathi: “Dubula!” Wadubula ke ukumkani, uElisha wathi: “Nâlo utolo lukaNdikhoyo loloyiso, utolo lokoyisa ama-Aram! Uya kuwoyisa uwatshabalalise ama-Aram eAfeki.”

18. Wabuya ke wathi: “Zithathe ezi ntolo.” Waza wazithatha ke ukumkani. UElisha wathi kuye: “Betha ngazo umhlaba.” Wabetha kathathu, wapheza.

2 Yookumkani 13