1. UManase wayeneshumi elinesibini leminyaka ukuqala kwakhe ukuba ngukumkani, waza ke walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anesihlanu.
2. Wenza okukubi emehlweni *kaNdikhoyo, wasuka wahamba ekhondweni lemikhuba emasikizi yezo zizwe wazigxothayo uNdikhoyo phambi kwamaSirayeli.
3. Iindawo eziphakamileyo zonqulo ezazidilizwe nguyise uHezekiya yena wabuya wazivusa, kananjalo wakhela ooBhali amaqonga, wenza neentsika zika-Ashera. Wayequbuda nakwiindidi zonke zeenkwenkwezi, ezinqula.
4. Wakha amaqonga endlwini kaNdikhoyo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Igama lam ndolimisa eJerusalem ngonaphakade.”
5. Kuzo zombini iinkundla zendlu kaNdikhoyo wakhela iinkwenkwezi amaqonga.
6. Oonyana bakhe ncam wabafaka emlilweni, esenza idini ngabo kwintili kaBhen-hinom. Wayethe phithi yimilingo, ukuvumisa, nobugqwirha, ehamba kumagqirha noosiyazi. Wayegqithisile ukwenza ububi emehlweni kaNdikhoyo, emqumbisa.
7. Wathatha umfanekiso oqingqiweyo awayewenzile, wawufaka endlwini kaThixo; ukanti ke uThixo wayemyalile uDavide ndawonye noSolomon unyana wakhe, wathi: “Igama lam ndolimisa kude kube ngunaphakade apha kule ndlu eJerusalem, ndawo leyo ndayinyulayo phakathi kwazo zonke izindlu zikaSirayeli.
8. Ukuba amaSirayeli abe nenyameko, akwenza konke endiwayalele kona, ayithobela yonke imithetho nemimiselo kwanemiqathango endayikhupha ngoMosis, mna andisoze ndibuye ndiwenze abhadule emke kweli lizwe ndalinika ooyise.”