4. Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”
5. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abashumayeli abangamakhulu amane, wabuza wathi: “Singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uThixo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”
6. Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”
7. Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”
8. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”
9. Ke kaloku ukumkani wakwaSirayeli noYoshafati ukumkani wakwaJuda babevethe ezobukhosi, bengqendeve ezihlalweni zabo esandeni sokubhula esikufuphi nesango laseSamariya, nabashumayeli belapho phambi kwabo beshumayela.
10. Ke uZedekiya, unyana kaKenana, wayenze iimpondo ngentsimbi, waza ke wathi: “Utsho uNdikhoyo ukuthi: ‘Ngezi mpondo ùya kuwahlaba uwatshabalalise ama-Aram.’ ”
11. Nabanye ke abashumayeli bashumayela kwaloo nto, besithi: “Phakathi! Yihlasele iRamoti yaseGiliyadi. Uza kuyoyisa, kuba uNdikhoyo uyinikele esandleni sikakumkani.”
12. Ke isigidimi esasiphuthume uMika sathi kuye: “Uyabona ke, abanye abashumayeli batsho ngazwi-nye kukumkani ukuthi uza kuphumelela. Nawe ke uze ungaphikisani nabo, koko uthethe okuhle.”
13. UMika ke yena wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ndiza kuthetha kuphela loo nto andixelela yona uThixo wam!”
14. Akuba efikile ke, ukumkani wathi kuye: “Mika, singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”UMika wathi: “Phakathi! Yihlasele; uya kuyoyisa, kuba baza kunikelwa esandleni senu!”