1. Ke kaloku uYoshafati wayemkhulu ngobutyebi nesidima, waza wazihlobanisa noAhabhi ngobulawu.
2. Emva kweminyaka ke waya kutyelela uAhabhi eSamariya. UAhabhi ke wamxhelela iigusha ezininzi, ngokunjalo neenkomo, esenzela yena neqela lakhe; kananjalo wamcenga ukuba ahlasele iRamoti yaseGiliyadi.
3. UAhabhi ukumkani wakwaSirayeli wacela uYoshafati wathi: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”UYoshafati wathi: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho. Siya kuba kunye kule mfazwe.”
4. Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”
5. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abashumayeli abangamakhulu amane, wabuza wathi: “Singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uThixo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”
6. Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”
7. Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”
8. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”