2 Yeziganeko 18:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYoshafati wayemkhulu ngobutyebi nesidima, waza wazihlobanisa noAhabhi ngobulawu.

2. Emva kweminyaka ke waya kutyelela uAhabhi eSamariya. UAhabhi ke wamxhelela iigusha ezininzi, ngokunjalo neenkomo, esenzela yena neqela lakhe; kananjalo wamcenga ukuba ahlasele iRamoti yaseGiliyadi.

3. UAhabhi ukumkani wakwaSirayeli wacela uYoshafati wathi: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”UYoshafati wathi: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho. Siya kuba kunye kule mfazwe.”

4. Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”

5. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli waqokelela abashumayeli abangamakhulu amane, wabuza wathi: “Singaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uThixo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”

6. Kambe ke uYoshafati wathi: “Akusekho mshumayeli kaNdikhoyo na apha esinokubuza kuye?”

7. Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuYoshafati: “Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuNdikhoyo, kodwa ke mna ndiyithiyile, kuba ayishumayeli okuhle ngokubhekisele kum, soloko ibububi bodwa. Igama layo nguMika, unyana kaImla.”UYoshafati wathi: “Hayi bo, ukumkani makangathethi njalo.”

8. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabiza elinye lamaphakathi akhe, wathi kulo: “Khawuleza uze noMika, unyana kaImla.”

2 Yeziganeko 18