1. Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo,
2. wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”
3. UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”
4. Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi:
5. “Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo?
6. Ukususela mhla ndawakhupha eJiputa amaSirayeli, kude kube namhlanje, andizange ndihlale endlwini; bendisoloko ndihamba-hamba ndihlala ententeni, nditsho kanye umnquba.
7. Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’
8. “Ke ngoko yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.
9. Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni.