2 Kasamweli 5:9-19 Ibhayibhile (XHO96)

9. Waya kuhlala apho ke kuloo nqaba uDavide, waza wayibiza ngokuba sisixeko sikaDavide. Wakha isixeko sayijikeleza, esiza nganeno ukusukela kungqameko.

10. Waya esomelela ngokomelela, kuba kaloku uNdikhoyo uThixo onamandla onke wayenaye.

11. Ukumkani uHiram waseTire wathumela izigidimi kuDavide, ziphethe izibonda zomsedare, zihamba nabachweli kunye neengcibi zamatye, zaza zamakhela ibhotwe uDavide.

12. Ke uDavide waqonda ukuba uNdikhoyo umzinzisile wangukumkani kwaSirayeli, eqonda nokuba uNdikhoyo ulawulo lwakhe uluphakamisile ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli.

13. Ukufika kwakhe eJerusalem, evela eHebron, uDavide waphinda wathatha abanye abafazi namaqadi, waza ke wazala abanye oonyana neentombi.

14. Nanga amagama abantwana bakhe abazalelwe eJerusalem: nguShamuwa, uShobhabhi, uNatan, uSolomon,

15. uIbhare, uElishuwa, noNifege, noYafiya,

16. uElishama, noEliyada, kunye noElifelete.

17. Zakuvakala kumaFilistiya iindaba zokuba uDavide uthanjiswe waba ngukumkani wakwaSirayeli, akhupha umkhosi wawo, emfuna. Uthe akuyiva loo nto uDavide wemka waya kuhlala kwindawo eyinqaba.

18. Afika ke amaFilistiya, ema kwintili yamaRafa,

19. waza uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Kufuneka ndiwahlasele na amaFilistiya? Ngaba uza kuwanikela esandleni sam na?”UNdikhoyo wathi kuDavide: “Ewe, wahlasele; inene, ndowanikela esandleni sakho amaFilistiya.”

2 Kasamweli 5