2 Kasamweli 3:9-26 Ibhayibhile (XHO96)

9. Inene, makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba andimncedisi uDavide ekuzuzeni izinto ezathenjiswa *nguNdikhoyo kuye!

10. Ndiza kumncedisa ukuhlutha ulawulo kwindlu kaSawule, kungene uDavide esihlalweni, alawule kwaSirayeli nakwaJuda, ukususela kwaDan kuse eBheshebha.”

11. Akabuyanga awuvule owakhe umlomo uIshbhoshete, kuba wayemoyika uAbhinere.

12. UAbhinere wathumela izigidimi kuDavide ukumthethela, esithi: “Hi bethu, ngaba lelikabani na eli lizwe? Ukuba thina sithe senza imvumelwano, ndokunceda, amaSirayeli onke ndiwagayele kwicala lakho.”

13. UDavide wathi: “Kulungile, kodwa ndosenza nawe isivumelwano kuphela ngaphantsi kwalo mqathango: kufuneka uze apha kum noMikali intombi kaSawule.”

14. Emva koko uDavide uthumele isigidimi kuIshbhoshete unyana kaSawule, wathi: “Ndikhululele umkam endamlobola ngamajwabu amaFilistiya alikhulu.”

15. UIshbhoshete wathi makaye kulandwa uMikali kwaPaltiyeli unyana kaLayishe, umyeni wakhe wesibini.

16. Suka uPaltiyeli walandela umfazi, ehamba elila njalo ukuya kutsho eBhawurim. Wathi kuye uAbhinere: “Jika! Uya phi?” Wajika wagoduka uPaltiyeli.

17. Ke kaloku uAbhinere wabhekisa kumadoda amakhulu akwaSirayeli, wathi: “Kudala ninqwenela ukulawulwa nguDavide.

18. Nali ke ngoku elo thuba. Ze nikhumbule ukuba nguNdikhoyo owathi kuDavide: ‘Sisicaka sam uDavide endiya kukhulula abantu bam amaSirayeli ngaso kumaFilistiya nakuzo zonke iintshaba zabo.’ ”

19. Waya nakwaBhenjamin uAbhinere, wawubhekisa nakubo lo mlomo. Usuke apho waya kuDavide eHebron, wamchazela ngeembono zabantu bakwaBhenjamin nabakwaSirayeli.

20. Kwathi akuya eHebron uAbhinere, ehamba namashumi amabini amadoda, beye kuDavide, bafika behlinzekelwe.

21. UAbhinere wathi kuDavide: “Sendikulungele ukuwagayela ngakwicala lakho onke amaSirayeli, mhlekazi, khon' ukuze uvumelane nawo, ube ngukumkani wawo, ulawule phezu kwako konke obe ukade ukunqwenela.” UDavide ke wamndulula uAbhinere, wahamba ngoxolo.

22. Emva koko kwafika amadoda kaDavide, ehamba noJowabhi, evela kunqoloba, eze namaxhoba amaninzi. Wayeselemkile eHebron uAbhinere emva kokundululwa kwakhe ngoxolo nguDavide.

23. Akufika uJowabhi, kunye nomkhosi awayehamba nawo, waxelelwa kwathiwa: “UAbhinere ebeze kubona ukumkani, yaye ukumkani umndulule ngoxolo.”

24. UJowabhi wasuka waya kukumkani, wafika wathi: “Yintoni le uyenzileyo? Uyabona, uAbhinere ebeze kuwe! Kutheni le nto umyekileyo ahambe? Ngoku umkile!

25. Wazi kakuhle ukuba uAbhinere into kaNere ebeze kukukhohlisa; ubeze kugqala le nto uqamele ngayo nayo yonke enye into oyenzayo.”

26. Uthe uJowabhi ukusuka kwakhe kuDavide wathuma amadoda, esithi makaye kulanda uAbhinere. Amlanda ke kwelaa qula laseSira. Wayengazi nto kambe uDavide ngalo mbandela.

2 Kasamweli 3