28. Luthe lakufika ezindlebeni zikaDavide udaba lokugwintwa kuka-Abhinere, wavakala esithi: “Mna kunye nabantu abaphantsi kwam simsulwa kubugebenga obenziwe kuAbhinere unyana kaNere, nkqu *uNdikhoyo uyayazi loo nto.
29. Isiqalekiso sale ntlekele masihlele uJowabhi nomzi wakowabo. Makusoloko kukho umntu onegcushuwa, iqhenqa, osimelela ngenduku, okanye owa edabini, nesilambi.”
30. Kwaba njalo ke ukuphindezela ukufa kuka-Asayeli edabini laseGibheyon. Kwaphindezelwa nguJowabhi kunye nomntakwabo uAbhishayi.
31. Emva koko uDavide wathi kuJowabhi kwakunye nabantu bonke ababenaye: “Zikrazuleni izambatho zenu, ninxibe amarhonya, nimzilele uAbhinere.”Kumngcelele womngcwabo ukumkani uDavide ngenkqu wayelandela idlaka.
32. Wangcwatyelwa eHebron uAbhinere. Ukumkani walila ezimathontsi apho engcwabeni lika-Abhinere, batsho bonke abantu balila nabo.
33. Kuloo mngcwabo ka-Abhinere ukumkani uDavide wavuma ingoma yesililo ethi:“Yini na ukuwa njengesidenge, Abhinere?
34. Izandla zakho bezingabotshwanga;iinyawo zakho bezingaqanyangelwanga.Kum ingathi uwiswe bubugwinta bamatshijolo.”Baqala emva ukugixa abantu.
35. Bonke abantu babemcenga yonke loo mini uDavide, ukuba kubekho into ayityayo, kodwa uDavide wafunga esithi: “Makandohlwaye uThixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba ndithe, lingekatshoni ilanga, ndangcamla isonka nokuba yiyiphi na enye into etyiwayo.”
36. Abantu baba nomgqalisela ngale nto, yabakholisa; ewe, yonke into awayenzayo ukumkani yabakholisa.
37. Kwacaca ngaloo mini kumaSirayeli ephela ukuba ukumkani wayengazani konke nokufa kuka-Abhinere unyana kaNere.
38. Wavakala ukumkani ebhekisa kumaphakathi akhe esithi: “Niyaqonda phofu ukuba yinkokheli kwanengangalala le iwileyo namhlanje kwaSirayeli?
39. Ndiziva ndityhafile mna namhlanje, ngoku kanye ndingukumkani othanjisiweyo. Aba bafo bangoonyana bakaZeruya baziindlongo-ndlongo, mna bayandixaka. Akwaba uNdikhoyo angamohlwaya umenzi wobubi ngendlela emfaneleyo.”