2 Kasamweli 15:3-15 Ibhayibhile (XHO96)

3. uAbhasalom athi: “Ewe, umthetho uyakungqinela, nomcimbi wakho uyavakala, kodwa ukumkani akanaye umntu ongachophela eli tyala.”

4. Wayeqhubeka athi uAbhasalom: “Akwaba ibindim umntu ochophela amatyala kweli lizwe! Bebeya kuza kum bonke nezimangalo zabo, ndibagwebele kakuhle.”

5. Kwakusithi kwakufika umntu aze akhahlele, uAbhasalom amthi hlasi ngesandla, amphakamise, amwole, amange.

6. Loo nto wathi rhoqo ukuyenza kuwo onke amaSirayeli awayesiza komkhulu ematyaleni. Waba ke uyaziba iintliziyo zamaSirayeli ngaloo ndlela.

7. Emva kweminyaka emine uAbhasalom ubhekise kukumkani wathi: “Mhlekazi, ndiyakucela ndikhulule ndiye kuzalisekisa isibhambathiso endasenza *kuNdikhoyo eHebron.

8. Kaloku ndandenze isifungo ngokuya ndandisahlala eGeshuri kwelama-Aram, ndathi uNdikhoyo ndiya kumenzela idini xa andibuyisele ekhaya eJerusalem.”

9. Ukumkani wathi kuye: “Hamba ngoxolo.”Wesuka ke wemka uAbhasalom waya eHebron.

10. Kanti wayeshiye ethume oongcothoza kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli esithi: “Xa nithe neva umtyangampo wesigodlo, ze nithi: ‘UAbhasalom ungukumkani eHebron!’ ”

11. UAbhasalom wakhatshwa ngamakhulu amabini amadoda ukuya kwakhe eHebron esuka eJerusalem. Ahamba ngesimemo engazi nto wona phofu ngeli yelenqe.

12. Kwathi xa uAhitofele waseGilo, iphakathi likakumkani uDavide, laliye kokwalo eGilo, lisiya kunyusa amadini, uAbhasalom wathuma isigidimi kuye, embiza. Iyelenqe lokuvukela ukumkani laya likhula, namanani eqela lika-Abhasalom aya esanda ngokwanda.

13. Kwafika isigidimi kuDavide, sathi: “Iintliziyo zamadoda akwaSirayeli zijikile, zilandela uAbhasalom.”

14. Ke uDavide wathi kumaphakathi akhe onke awayeseJerusalem: “Masibaleke kusengoku, kuba asiyi kusinda kuAbhasalom. Masikhawuleze simke, hleze asihlasele ngephanyazo, asihlisele ububi, abulale abemi balo mzi ngekrele.”

15. Aphendula ngelithi amaphakathi kuDavide: “Makube njengokubona kwakho, mhlekazi; thina zicaka zakho sesilungile.”

2 Kasamweli 15