2 Kasamweli 14:24-32 Ibhayibhile (XHO96)

24. Akuba efikile ukumkani wathi: “Makaye kuzihlalela endlwini yakhe uAbhasalom; akafuneki nganto apha kum ebhotwe.” Waya kuzihlalela emzini wakhe ke uAbhasalom, akaba savela phambi kokumkani.

25. Kwakungekho bani wayenokufaniswa noAbhasalom ngobunzwana kuye wonke uSirayeli. Wayeyinzwana engenasiphako ukusuka entendeni yonyawo lwakhe kuye kutsho phezulu entloko.

26. Wayesithi akucheba intloko (nto leyo wayeyenza minyaka le, kuba zazisuka zibe nde kakhulu iinwele zakhe) aziveyishe ezo nwele, zibe sisibini seekhilogram ubunzima ngokomlinganiselo owawusetyenziswa komkhulu.

27. Wayenoonyana abathathu uAbhasalom, kunye nentombi eyayinguTamare igama, inzwakazi enomkhitha.

28. Kwadlula iminyaka emibini eseJerusalem uAbhasalom, kodwa engekabonani nokumkani.

29. Ke uAbhasalom wabiza uJowabhi ukuze amthume kukumkani. Wala ukuza yena uJowabhi. Waphinda wathumela okwesibini, wala kwakhona uJowabhi.

30. Uthe ke kwizicaka zakhe uAbhasalom: “Intsimi kaJowabhi nantsiya inengqolowa ngakuleya yakuthi; yiyani niyintumeke umlilo.” Zaya, zayitshisa intsimi kaJowabhi izicaka zika-Abhasalom.

31. Wasuka ke uJowabhi waya kwa-Abhasalom, wafika wathi kuye: “Ziyitshiseleni izicaka zakho intsimi yam?”

32. UAbhasalom wathi kuJowabhi: “Bendithumele abantu kuwe ndisithi mawuze apha ukuze ndikuthume kukumkani undibuzele uthi: ‘Ndibuyele ntoni eGeshuri? Bekukuhle ndibe ndiselapho nangoku.’ Ngoku ke ndifuna ukubonana nokumkani, ukuze athi, ukuba ndisenetyala, andibulale, ndife kube kanye.”

2 Kasamweli 14