2 Kasamweli 13:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wazenza ogulayo ke uAmnon, waya kulala.Ukumkani waya kumvelela uAmnon, waza yena wathi kukumkani: “Bawo, ndicela uthumele uTamare udade wethu eze kundenzela amaqebengwane amabini ndijongile, andityise ngesakhe isandla.”

7. UDavide ke wathumela kuTamare ebhotwe esithi: “Khawuye endlwini yomnakwenu uAmnon, umenzele into etyiwayo.”

8. Waya ke uTamare endlwini ka-Amnon umntakwabo, wafika esemandlalweni. Wathatha umgubo waxova, wenza amaqebengwana ejongiwe nguAmnon,

9. wawakhupha epanini, wabeka phambi koAmnon, kodwa akatya.Uvakele uAmnon esithi: “Khupha wonke umntu okule ndlu!” Baphuma bonke abo bantu kuloo ndlu.

10. Uthe kuTamare uAmnon: “Zisa loo maqebengwana apha egumbini lam lokulala, undityise ngesakho isandla.” Wawathatha loo maqebengwana awenzileyo uTamare, wawasa kumntakwabo uAmnon egumbini lakhe lokulala.

11. Kuthe esamnika ukuba atye, wamthi hlasi, wathi: “Yiza silale, dade wethu.”

12. UTamare wathi kuye: “Hayi, mnakwethu, musa ukundinyanzela; ayenziwa into enje kwaSirayeli. Musukulenza eli nyala!

13. Khona, mna ndoba yintoni lihlazo lam? Wena kungathiwa usesona sithwangathwanga sakha sakho kwaSirayeli. Ndiyacela ke, thetha nokumkani. Ndiqinisekile uya kuvuma ukundendisela kuwe.”

2 Kasamweli 13