7. Wathi akukhangela ngasemva wandibona, wandibiza, nam ke ndasabela ndathi: ‘Ndikwenzele ntoni?’
8. Wathi kum: ‘Ungubani?’ Ndathi kuye: ‘NdingumAmaleki.’
9. Uthe kum ke: ‘Sondela undigqibezele. Ubomi bam sebungamacimi-cimi, kodwa andikaphelelwa.’
10. Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”
11. Wazikrazula izambatho zakhe uDavide, enjenjalo nawo onke amadoda awayekunye naye.
12. Bazila, balila, abatya nokutya oku kwada kwahlwa, belilela uSawule nonyana wakhe uJonatan kunye namaSirayeli, abantu *bakaNdikhoyo, ababewe ngekrele.
13. Emva koko uDavide wabuza loo mfana wayeze nezi ndaba, wathi: “Uvela phi kakade wena, mfana?”“Mna ndingunyana wendoda engumngeneleli, umAmaleki,” uphendule watsho loo mfana.
14. UDavide ke wathi: “Ngani ungoyiki ukuphakamisa isandla sakho ubulale umthanjiswa kaNdikhoyo?”
15. Waza uDavide wabhekisa kwenye yamadodana akhe, wathi: “Bulala le nto!” Loo ndodana ke imgwaze kwangoko umfana lowo, yaphel' intw' ibithethwa.
16. Wavakala uDavide esithi: “Igazi lakho malibe phezu kwentloko yakho. Urhintyelwe kwangulo mlomo wakho xa ubungqina usithi: ‘Ndimbulele umthanjiswa kaNdikhoyo.’ ”
17. Emva koko uDavide wavuma le ngoma, elilela uSawule nonyana wakhe uJonatan.
18. Wathi kufuneka bayifundiswe bonke abemi bakwaJuda, ibe yingoma yesaphetha. (Ibhalwe kwiNcwadi kaYashare.) Ithi loo ngoma:
19. “Awu! Itshoba lilel' umbethe kwiimbalasane zakwaSirayeli!Awil' amagorha akuthi phaya endulini!
20. “Ze ningayithethi le ntlekele eGati,ningayidizi nasezitalatweni zaseAshkelon;hleze sihlekwe ziintombi zamaFilistiya;hleze zivuye iintombi zeentlanga ezingalukiyo.
21. “Hoyina, zintaba zaseGilibhowa!Mawunibukul' umbethe ngokunjalo nemvula,uz' umhlab' uhlal' ungumqwebedu,ungavelisi umnikelo wengqolowa.Kaloku lahlazek' apho kun' ikhaka lenqeberh' enkulu;kungokunje alisawev' amafutha ikhaka likaSawule.
22. Kwajub' ugodo lutolo lukaJonatan,lenz' iziqweng' ikrele likaSawule,kwaw' izigantsontso luqikilek' utshaba.