1 Yookumkani 19:2-11 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.”

3. Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe.

4. Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.”

5. Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala.Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!”

6. Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.

7. Siphinde sabuya isithunywa sikaNdikhoyo, samshukumisa sathi: “Vuka utye, kuba lude uhambo lwakho.”

8. Wavuka ke, watya wasela. Oko kutya ke kwamomeleza, waza wathatha uhambo lweentsuku ezimashumi mane nobusuku bazo, wada waya kufika eHorebhe, intaba kaThixo.

9. Apho ke wafumana umqolomba, waza walala khona.Ke kaloku uEliya wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo lisithi: “Ukho ngani apha, Eliya?”

10. Ke yena wathi: “Ndenziwe likhwele ngenxa kaNdikhoyo uThixo uSomandla. Kaloku amaSirayeli awukhabile umnqophiso wakho; awadilizile namaqonga akho, nabashumayeli bakho ababulele ngekrele. Ngoku ke sendisele ndodwa; nam ngokwam ke afuna ukundibulala.”

11. UNdikhoyo waphendula wathi: “Hamba uye kuma phezu kwentaba phambi koNdikhoyo, kuba uNdikhoyo uza kudlula khona.”Ke kaloku kwabhudla isitshu somoyakazi omkhulu owaqhaqhambisa amawa, watsho kwacandeka neentaba; ukanti ke yena uNdikhoyo wayengekho apho kuwo. Emva komoya lowo kwabakho inyikima, kanti ke nalapho kuyo wayengekho yena uNdikhoyo.

1 Yookumkani 19