Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.