1 Yookumkani 19:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uAhabhi waxelela umkakhe uJezebhele ngako konke awayekwenzile uEliya, nendlela ababulele ngayo abashumayeli bakaBhali ebaqhushek' ikrele.

2. Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.”

3. Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe.

4. Ke yena wathatha uhambo lwemini enye, wangena entlango. Wathi ke akufumana umthi wonwele, wahlala phantsi kwawo, wathandazela ukuba afe. Wathi: “Kwanele ngoku, *Ndikhoyo! Buthathe ubomi bam; kuba andilunganga ukugqitha oobawo.”

5. Wasuka ke wangqenqa apho phantsi kwaloo mthi wonwele, wasindwa bubuthongo, walala.Kwabonakala isithunywa sezulu, samshukumisa uEliya, sathi: “Vuka, utye!”

6. Wathi khwaphululu walaqaza, waza wabona iqebengwana lesonka ebesojiwe ngamalahle ashushu, kunye nendebe yamanzi. Wathatha ke, watya wasela, waza waphinda walala.

1 Yookumkani 19