1 Yookumkani 16:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYehu unyana kaHanani wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo ngokubhekiselele kuBhayesha. Lalisithi:

2. “Ndakuphakamisa eluthulini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli. Kambe ke wena suka wangena ekhondweni likaJerobhowam, wabalukuhlela esonweni abantu bam amaSirayeli. Ezo zono ke ziwuxhokonxile umsindo wam.

3. Ngoko ke ngoku ndiza kumsusa uBhayesha kunye nendlu yakhe. Ewe, ndokufanisa nendlu kaJerobhowam unyana kaNebhati.

4. AbakwaBhayesha abafela ezixekweni botyiwa zizinja, ke bona abafela emaphandleni boxhwithwa ziintaka.”

5. Ezinye iziganeko mayela nolawulo lukaBhayesha nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

6. UBhayesha waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa eTirza. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uEla.

7. Into eyezisa eli lizwi likaNdikhoyo ngomlomo kaYehu unyana kaHanani mayela noBhayesha nendlu yakhe, kungenxa yobubi awabenzayo nemikhwa eyamcaphukisayo uNdikhoyo, nokuhamba kwakhe ekhondweni likaJerobhowam, nokutshabalalisa indlu yakhe.

8. Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesithandathu uAsa engukumkani wakwaJuda, uEla unyana kaBhayesha waqalisa ukulawula kwaSirayeli, waza walawula eTirza iminyaka emibini.

9. Elinye lamaphakathi akhe uZimri wamenzela iyelenqe. Eli phakathi lalilawula isiqingatha seenqwelo zemfazwe. Ngeli thuba ke uEla wayelibele kukunxila kwa-Arza eTirza. UArza lo ke wayengumlawuli apho komkhulu eTirza.

10. UZimri wangena wambetha wambulala, xa kanye uAsa akunyaka wamashumi amabini anesixhenxe engukumkani kwaJuda. Waza ke wathatha indawo yakhe.

11. Uthe ke uZimri akungena ezintanjeni wayingenela wayibulala indlu kaBhayesha iphela. Wabulala akashiya duna, nditsho isizalwana nesihlobo.

1 Yookumkani 16