22. Ke kaloku ukumkani uAsa wanika umyalelo kuJuda ephela, wathi wonke umntu makathathe loo matye naloo mithi yayisetyenziswa ngoBhayesha engqinga iRama. Ngezo zinto ukumkani uAsa wakha iGebha kwaBhenjamin kunye neMizpa.
23. Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Asa nayo yonke imizabalazo yakhe esebenza esakha nezixeko, nâzo kwincwadi yeembali zookumkani bakwaJuda. Kambe ke wathi akuba mdala waba nesifo seenyawo.
24. Ke uAsa waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa phakathi kwabo kwisixeko sikayise-mkhulu uDavide. UYoshafati unyana wakhe wathatha indawo yakhe wangukumkani.
25. Ke kaloku uNadabhi unyana kaJerobhowam waba ngukumkani kwaSirayeli kunyaka wesibini kakumkani uAsa wakwaJuda. Ke yena walawula iminyaka emibini kwaSirayeli.
26. UNadabhi wamona *uNdikhoyo, wahamba ekhondweni likayise ngeso sono walukuhlela kuso amaSirayeli.
27. UBhayesha unyana ka-Ahiya wendlu kaIsakare wamenzela iyelenqe, waza wambetha wafa eGibheton, idolophu yamaFilistiya, xa yena uNadabhi noSirayeli ephela babeyingqingile.
28. UBhayesha ke wabulala uNadabhi kunyaka wesithathu kakumkani uAsa wakwaJuda, waza ke wangena ezihlangwini zakhe.
29. Uthe akuphatha wayingenela wayibulala yonke indlu kaJerobhowam. Ewe, akashiyanga nalo mnye osaphefumlayo umntu apha kwaJerobhowam. Wabatshabalalisa bonke ngokomlomo kaNdikhoyo ngesicaka sakhe uAhiya waseShilo.
30. Le nto yenzeka kuba uJerobhowam wôna, waza kananjalo walukuhlela uSirayeli esonweni, nto leyo ke yamcaphukisayo uNdikhoyo uThixo kaSirayeli.
31. Ezinye zeziganeko zolawulo lukaNadabhi nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.
32. Ngalo lonke ithuba lolawulo lwabo kwaba soloko kukho imfazwe phakathi kuka-Asa noBhayesha ukumkani wakwaSirayeli.
33. Ngonyaka wesithathu kakumkani uAsa kwelakwaJuda, uBhayesha unyana ka-Ahiya waba ngukumkani wakwaSirayeli eTirza, waza ke walawula iminyaka emashumi mabini anesine.
34. Ke yena wamona uNdikhoyo, ehamba ekhondweni likaJerobhowam nakweso sono wawalukuhlela kuso amaSirayeli.