Ke uAsa waya kuphumla kooyise, waza wangcwatyelwa phakathi kwabo kwisixeko sikayise-mkhulu uDavide. UYoshafati unyana wakhe wathatha indawo yakhe wangukumkani.