Uthe akuphatha wayingenela wayibulala yonke indlu kaJerobhowam. Ewe, akashiyanga nalo mnye osaphefumlayo umntu apha kwaJerobhowam. Wabatshabalalisa bonke ngokomlomo kaNdikhoyo ngesicaka sakhe uAhiya waseShilo.