1 Yookumkani 1:36-53 Ibhayibhile (XHO96)

36. Ke yena uBhenaya unyana kaJoyada wamphendula ukumkani wathi: “Makube njalo! Ngamana watsho noNdikhoyo uThixo wenkosi yam ukumkani!

37. Njengoko uNdikhoyo wayenenkosi yam ukumkani, ngokunjalo makabe naye uSolomon, ulawulo lwakhe lwande ludlule olwenkosi yam ukumkani uDavide.”

38. Behla ke, umbingeleli uZadoki, umshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti, uSolomon bemkhwelise kwimbongolo kakumkani uDavide, baya naye eGihon.

39. Ke kaloku umbingeleli uZadoki waluthatha uphondo lwamafutha awayelufumene *esibingelelweni, waza ke wathambisa uSolomon ngaloo mafutha. Bakhalisa isigodlo, baza bonke abantu bakhwaza bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani Solomon!”

40. Loo nginginya yabantu ke yamlandela, ihamba ikhalisa amaxilongo, igcobe kangangokuba isingqi sabo sawunyikimisa umhlaba.

41. UAdoniya nâbo wayebamemile bayiva le ntshukumo, xa kanye baliphethayo itheko labo. Akusiva isandi sesigodlo uJowabhi wabuza wathi: “Ngaba yeyantoni le ngxokolo ivakala esixekweni?”

42. Esabuza njalo kwathi gqi uJonatan unyana wombingeleli uAbhiyatare. UAdoniya wathi: “Ngena! Umntu ohlonipheke njengawe lo unokuba usiphathele iindaba ezimnandi.”

43. UJonatan waphendula wathi kuAdoniya: “Hayi bo! Umhlekazi ukumkani uDavide umisele uSolomon wangukumkani.

44. Ukumkani umkhuphe nombingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan, uBhenaya unyana kaJoyada, nabalindi abangamaKreti namaPleti; bamkhwelise kwimbongolo kakumkani.

45. Ke umbingeleli uZadoki nomshumayeli uNatan bamthambisele eGihon wangukumkani. Basuke apho benemincili; nangoku ke kusathe nkxwe esixekweni. Loo ntswahla uyivayo ngabo.

46. Ewe, uSolomon selengene esihlalweni phaya ebhotwe.

47. Namaphakathi akomkhulu nango evuyisana nomhlekazi ukumkani uDavide esithi: ‘Ngamana uThixo angalenza labalasela ngaphezu kwelakho igama likaSolomon, nolawulo lwakhe aluqaqambise ngaphezulu!’ Nokumkani ke suka wathelela enqula esemandlalweni wakhe.

48. Ewe, usuke wathi: ‘Makabongwe uNdikhoyo uThixo kaSirayeli, othe namhlanje wandenzela inyhweba yokuba ndimbone ngawam amehlo lowo uthatha isihlalo esikhundleni sam.’ ”

49. Lakuziva ezi ndaba iqela lika-Adoniya lothuka lachithakala ngoko nangoko.

50. Ke yena uAdoniya ngokoyika uSolomon wasuka waya kubambelela ngeempondo zeqonga lamadini.

51. Waxelelwa ke uSolomon kwathiwa: “UAdoniya nanko ebambelele ngeempondo zeqonga lamadini kuba esoyika ukumkani uSolomon. Uthi: ‘Ukumkani uSolomon makafunge namhlanje, athembise ukuba akayi kundifaka ikrele andibulale mna sicaka sakhe.’ ”

52. USolomon wathi: “Ukuba ufumaniseke engumfo onyanisekileyo, akayi kuba nawo nowempumlo umkrwelo; kambe ke, ukuba ufumaniseke enobubi, uza kufa.”

53. Ukumkani uSolomon wathumela amadoda, amphuthuma apho eqongeni lamadini uAdoniya. Ke uAdoniya weza wafika wakhahlela apho kukumkani uSolomon. Ke uSolomon wathi kuye: “Kulungile, goduka.”

1 Yookumkani 1