8. Umntu onamatye axabisekileyo wayenikela ngawo apho kuvimba wendlu kaNdikhoyo, zigcinwe nguYehiyeli umGershon.
9. Nabantu ke bavuyiseka yindlela ezakuthakazelela ngayo iinkokheli zabo ukunikela; kaloku zanikela kuNdikhoyo ngezandla ezivulekileyo. Kananjalo ke naye ukumkani uDavide wavuya kakhulu.
10. Ke kaloku uDavide wabonga *uNdikhoyo phambi kwalo lonke ibandla likaSirayeli, wathi:“Ungowokubongwa, wena Ndikhoyo,Thixo kabawo wethu uSirayeli,kuse ephakadeni lasemaphakadeni.
11. Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.
12. Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;wena ungumlawuli weento zonke.Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.
13. Ngoko ke siyakubulela, Thixo wethu;ewe, siyadomboza sikuncoma ngenxa yegama lakho elinesihomo!
14. “Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.
15. Kaloku thina ebusweni bakho singabasemzini neembacu kwanjengokuba babenjalo noobawo-mkhulu. Imihla yethu kulo mhlaba ifana nesithunzi, ayithembisi mpela.
16. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wethu, yonke le mfumba siyinikele ukulungiselela ukwakhiwa kwendlu egameni lakho elingcwele; yonke yinto ephuma esandleni sakho, ngoko ke konke nje kokwakho kakade.
17. Ndiyazi kambe, Thixo wam, ukuba wena uyayivavanya intliziyo, ukholiswa ngumntu othe ngqo. Ewe, zonke ezi zinto ndizinikela ngezandla ezivulekileyo nangeenjongo zokunyaniseka. Kananjalo nam ndibone ndatsho ndavuya xa aba bantu bakho abalapha namhlanje benikela kuwe ngezinwe ezinje.
18. Ewe, Ndikhoyo, Thixo woobawo bethu uAbraham, uIsake, noSirayeli, olu langazelelo lugcine luvutha ezintliziyweni zabantu bakho, kude kuse ephakadeni; kananjalo iintliziyo zabo zithimbe, ukuze banyaniseke kuwe.
19. Nalo nyana wam unguSolomon mnike intliziyo ephelelisileyo ekuyithobeleni imithetho nemiqathango nemimiselo yakho, ukuze enze konke okusemandleni akhe ezabalazela ukulakha eli pomakazi lebhotwe esenjenjalo ukulilungiselela.”
20. Ngoku ke uDavide wabhekisa ebandleni lilonke, wathi: “Dombozani nimdumise uNdikhoyo, uThixo wenu.” Ngoko ke bonke abantu bambonga uNdikhoyo uThixo wooyise-mkhulu; ewe, baduma, bakhahlela, bawa phantsi phambi koNdikhoyo naphambi kokumkani.
21. Ngomhla olandelayo ke kwenzelwa *uNdikhoyo amadini; bamenzela amadini atshiswayo ngewaka leenkunzi zeenkomo, iwaka leenkunzi zeegusha, newaka lamaxhwane angamaduna, kunye neminikelo ethululwayo, kwaneminye iminikelo, yonke iyintabalala enikelwa egameni lamaSirayeli ewonke jikelele.
22. Ngaloo mini ke batya basela bedlokova yimincili apho phambi koNdikhoyo. Baza ke kwakhona abantu bamvuma uSolomon unyana kaDavide ukuba ungukumkani wabo, bamthambisa phambi koNdikhoyo ukuze abe ngumlawuli wabo, ke yena uZadoki abe ngumbingeleli wabo.
23. Ngoko ke uSolomon wangqendeva esihlalweni sikaNdikhoyo wangukumkani esikhundleni sikayise uDavide. Waba nempumelelo ke; wabe yena wonke uSirayeli emthobela.