Ngoko ke uSolomon wangqendeva esihlalweni sikaNdikhoyo wangukumkani esikhundleni sikayise uDavide. Waba nempumelelo ke; wabe yena wonke uSirayeli emthobela.