2-3. Nazi ke iingqwayi-ngqwayi zala mabutho alishumi elinambini (ibutho ngalinye belinamadoda angamashumi ambini anane amawaka):inyanga yokuqala: ingqwayi-ngqwayi yayinguYashobham unyana kaZabhediyeli wendlu kaPerezi;
10. inyanga yesixhenxe: nguHeleze umEfrayim wasePelon;
11. inyanga yesibhozo: nguSibhekayi umZera waseHusha;
12. inyanga yethoba: nguAbhiyezere umBhenjamin waseAnatoti;
13. inyanga yeshumi: nguMarayi umZera waseNetofa;
14. inyanga yeshumi elinanye: nguBhenaya umEfrayim wasePiraton;
15. inyanga yeshumi elinambini: nguHeledayi waseNetofa oyinzala kaOteniyeli.
16. Nazi izibonda zezizwe zakwaSirayeli:kwaRubhen yayinguElizere unyana kaZiki;kwaSimon yayinguShefatiya unyana kaMahaka;
17. kwaLevi yayinguHashabhiya unyana kaKemuweli;kwa-Aron yayinguZadoki;
18. kwaJuda yayinguElihu umntakwabo-Davide;kwaIsakare yayinguOmri unyana kaMikayeli;
19. kwaZebhulon yayinguIshmaya unyana kaObhadiya;kwaNafetali yayinguJerimoti unyana ka-Azeriyeli;
20. kwaEfrayim yayinguHosheya unyana ka-Azaziya;kwisiqingatha sesizwe sikaManase yayinguYoweli unyana kaPedaya;
21. kwisiqingatha sesizwe sikaManase esiseGiliyadi: yayinguIdo unyana kaZakariya;kwaBhenjamin yayinguYasiyeli unyana ka-Abhinere;