1. Ukumkani uDavide, ekunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, wachonga abathile koonyana baka-Asafu, nabakaHeman, nababakaJedutum, wabanika umsebenzi wokushumayela bekhalisa iihapu nemirhubhe namacangci. Nanga ke amadoda awayephethe lo msebenzi:
2. Koonyana baka-Asafu nguZakure, noJosefu, noNetaniya, noAsharela. Babeshumayela ngokomyalelo kakumkani, bephethwe nguAsafu.
3. Koonyana bakaJedutun nguGedaliya, noZeri, noYeshaya, [noShimeyi], noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu. Babephethwe nguyise uJedutun, owayeshumayela esebenzisa ihapu ukubulela nokudumisa *uNdikhoyo.
4. Koonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noJerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMaziyoti.
5. Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.