1 Yeziganeko 25 Ibhayibhile (XHO96)

Iimvumi zendlu kaThixo

1. Ukumkani uDavide, ekunye neengqwayi-ngqwayi zomkhosi, wachonga abathile koonyana baka-Asafu, nabakaHeman, nababakaJedutum, wabanika umsebenzi wokushumayela bekhalisa iihapu nemirhubhe namacangci. Nanga ke amadoda awayephethe lo msebenzi:

2. Koonyana baka-Asafu nguZakure, noJosefu, noNetaniya, noAsharela. Babeshumayela ngokomyalelo kakumkani, bephethwe nguAsafu.

3. Koonyana bakaJedutun nguGedaliya, noZeri, noYeshaya, [noShimeyi], noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu. Babephethwe nguyise uJedutun, owayeshumayela esebenzisa ihapu ukubulela nokudumisa *uNdikhoyo.

4. Koonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noJerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMaziyoti.

5. Bonke aba babengoonyana bakaHeman *umshumayeli kakumkani. Wayebanikwe ngokwesithembiso sikaThixo sokuphakamisa isidima sakhe. Ewe, uThixo wanika uHeman oonyana abalishumi elinane neentombi ezintathu.

6. Ngokomyalelo kakumkani onke la madoda ayephethwe ngooyise uAsafu, noJedutun, noHeman. Ayevuma enkonzweni endlwini kaNdikhoyo, enamacangci nemirhubhe neehapu.

7. Inani lawo, ekunye nabantakwawo ababeqeqeshelwe iingoma zikaNdikhoyo, lalingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesibhozo.

8. Xa bawabayo umsebenzi benza *amaqashiso, kungekho ukhethe phakathi komncinane nomkhulu, ngokunjalo nokwaziyo nosaqeqeshwayo.

9. Nazi iziphumo zamaqashiso malunga nokulandelelana kwamathuba okusebenza kwamaqela:elokuqala: elikaJosefu umAsafu,elesibini: elikaGedaliya,

10. elesithathu: elikaZakure,

11. elesine: elikaIzeri,

12. elesihlanu: elikaNetaniya,

13. elesithandathu: elikaBhukiya,

14. elesixhenxe elikaYesharela,

15. elesibhozo: elikaYeshaya,

16. elethoba: elikaMataniya,

17. eleshumi: elikaShimeyi,

18. eleshumi elinanye: elika-Azarele,

19. eleshumi elinambini: elikaHashabhiya,

20. eleshumi elinesithathu: elikaShubhayeli,

21. eleshumi elinesine: elikaMatitiya,

22. eleshumi elinesihlanu: elikaYeremoti,

23. eleshumi elinesithandathu: elikaHananiya,

24. eleshumi elinesixhenxe: elikaYoshebhekasha,

25. eleshumi elinesibhozo: elikaHanani,

26. eleshumi elinethoba: elikaMaloti,

27. elamashumi amabini: elikaEliyata,

28. elamashumi amabini ananye: elikaHotire,

29. elamashumi amabini anambini: elikaGidaleti,

30. elamashumi amabini anantathu: elikaMaziyoti,

31. elamashumi amabini anane: elikaRomamti-ezere.Iqela ngalinye beliba namadoda alishumi elinambini, liphantsi kwenkokheli yalo.