1 Yeziganeko 17:4-19 Ibhayibhile (XHO96)

4. “Hamba uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Asinguwe umntu oza kundakhela indlu endiya kuhlala kuyo.

5. Ukususela mhla ndamkhupha eJiputa uSirayeli kude kube namhla andizange ndihlale endlwini. Ndasoloko nditshintsha izikhundla, ndithi ndikule indawo yokumisa intente, ndibe ndikuleya.

6. Oko ndajikeleza ndihamba namaSirayeli, andizange ndikhalaze kwiinkokheli endaziyalela ukuba zaluse abantu bam, andizange ndizibuze ndithi: Ngani ukuba ningandakheli indlu yomsedare?’

7. “Ke ngoko, yithi kuDavide isicaka sam: ‘Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: Wena Davide ndakuthatha emadlelweni, ekwaluseni iigusha, ndakwenza umlawuli wabantu bam amaSirayeli.

8. Ndakukhapha kwiindawo zonke owawuhamba kuzo, ndazisusa zonke iintshaba zakho phambi kwakho. Ngoko ke ngoku igama lakho ndiza kulenza lidume lifane nelabakhulu emhlabeni.

9. Abantu bam amaSirayeli ndobabonela indawo abaza kuma kuyo, ndibazinzise, babe nendawo yabo, bangabuye babandezelwe nanini. Abantu abakhohlakeleyo abayi kuba sabacinezela njengoko bebesenjenjalo ngaphambili,

10. ukusukela kwimihla endabamisela abantu bam amaSirayeli iinkokheli. Ndiza kuzoyisa zonke iintshaba zakho.“ ‘Nditsho kuwe ukuthi nguNdikhoyo oya kuyizinzisa indlu yakho.

11. Yakuphela imihla yakho, xa sowuye kuphumla kooyihlo, ndokuvusela ihlumelo, lithathe isikhundla sakho. Ewe, nditsho omnye woonyana bakho. Ndiya kuluzinzisa ulawulo lwakhe.

12. Nguye ke oya kundakhela indlu, ndiluzinzise ulawulo lwakhe ngonaphakade.

13. Mna ndiya kuba nguyise kuye, yena abe ngunyana wam. Uthando lwam kuye alusoze lutshitshe, njengoko lwenzayo kumfo owangena esikhundleni sakhe wena.

14. Ndiya kummisela endlwini yam, alawule kude kube ngunaphakade. Ewe, ulawulo lwakhe lohlala ngonaphakade.’ ”

15. Ke uNatan waya kuxelela uDavide onke amazwi alo mbono.

16. Ke kaloku ukumkani uDavide wangena waya kuhlala phambi *koNdikhoyo, waza wathi: “Kuxa ndingubani mna, Ndikhoyo Thixo? Iyintoni yona indlu yam, ukuba ude uze kundibeka kule ndawo ndikuyo ngoku?

17. Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Thixo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ewe, Ndikhoyo, Thixo wam, ude wandiphatha ngathi ndingumntu onewonga.

18. “Mandithini, mna Davide, ukuthetha nawe, Ndikhoyo, wena osiwonga kangaka isicaka sakho? Kaloku uyabazi ubunjani besicaka sakho!

19. Ngenxa yesicaka sakho, nangokuthanda kwakho, wenze le nto inkulu kangaka, waza wavakalisa nezi zithembiso zingaka.

1 Yeziganeko 17